| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
UMgaqo-siseko uthi awona malungelo angundoqo abo bonke abemi boMzantsi Afrika aya kukhuselwa ze ahlonitshwe. La malungelo adweliswe kuMqulu Wamalungelo kwakunye neemeko apho kungavumeleka ukuba la malungelo ancitshiswe/avinjwe khona.Amaqumrhu namaziko ahlukeneyo kaRhulumente aye asekwa ukuqinisekisa ukukhuseleka kwala malungelo. |
IMIYALELO: |
Ukuba amalungelo akho athe anyhashwa, unganikezela ingxelo ngoko kula maqumrhu alandelayo:
IKOMISHONI YAMALUNGELO OLUNTU YOMZANTSI AFRIKA Le Komishoni, iSAHRC ngamafuphi, iya kukunceda ukuba naliphi na elinye lamalungelo akho aqulethwe kuMqulu Wamalungelo liye lanyhashwa okanye alahlonitshwa. Ungakhangela kuMqulu Wamalungelo ukuqinisekisa amalungelo akho aye anyhashwa okanye awahlonitswa na. Ukuze ube nokufaka isikhalazo, kufuneka ugcwalise iphetshana lokufaka isikhalazo. I-SAHRC ayiyi kuba nakho ukukunceda apho:
Ukuba akuqinisekanga ukuba isikhalazo sakho singaqwalaselwa na yi-SAHRC, nceda uqhagamshelane ne-SAHRC. Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe nge-SAHRC, qhagamshelana ne-Ofisi yabo eseNtshona Koloni: uMnu. Ashraf Mahomed ABALAWULI ABAZIMELEYO ABAJONGENE NEZIKHALAZO Ukuba amalungelo akho anyhashwe ngamapolisa, kufuneka uqhagamshelane Nabalawuli Abazimeleyo Abajongene Nezikhalazo. Ukuze ube nokufaka isikhalazo, gcwalisa iphetshana lokufaka isikhalazo ngokupheleleyo nangokuchanekileyo. Ukuba akuqinisekanga nangayiphi na into kwelo phetshana lokufaka isikhalazo, nceda ulandele izikhokelo. Ungasithumela isikhalazo sakho kule dilesi: nmanne@icd.pwv.gov.za, okanye ke usithumele ngefeksi kule nombolo: 021 426 0705. Idilesi Yeposi: Private Bag X 9173, eKapa, 8000 Okanye ke ungasifaka isikhalazo sakho ngekhompyutha. UMKHUSELI WOLUNTU Ukuba ufuna ukukhalaza ngegosa lesebe likarhulumente, kufuneka uqhagamshelane noMkhuseli Woluntu. Nabani na angasifaka isikhalazo kuMkhuseli Woluntu, oya kuthi ke yena aphande ngesi sikhalazo. Ukuba uMkhuseli Woluntu uthi afumanise ukuba esi sikhalazo simele ukuphandwa yi-ofisi yakhe, yena neqela lakhe baya kwenza konke okusemandleni ukuza nesisombululo kule ngxaki, sisombululo eso siquka ukuza neziphakamiso ngeenguqu emazenziwe kuloo nkqubo ikungcungcuthekisileyo. Ukuba akubanga nakho ukufikelela kwisisombululo ngokuthi uthetha-thethane negosa elo nomphathi walo, kuya kufuneka ubhalele uMkhuseli Woluntu. Ezi nkcukacha zilandelayo kufuneka uzifake kule ncwadana yembalelwano iya kuMkhuseli Woluntu:
Kwezinye iimeko, uMkhuseli Woluntu, unokufuna unikezele ubungqina phantsi kwesifungo phambi kokuba aqalise ngophando lwakhe. Ukuba udinga uncedo ngesikhalazo sakho, ungatsalela iOfisi yoMkhuseli Woluntu. Kukho abasebenzi abaqeqeshiweyo apho nabaya kuphula-phula isikhalazo eso, sisincinci sisikhulu, ze benze uphando. Idilesi Yeposi: I-Ofisi Yommandla weNtshona Koloni, PO Box 712, eKapa, 8000 IKOMISHONI YOXOLELWANISO, UKUNGENELELA NOKULAMLA IIMBAMBANO ZEMIBA YABASEBENZI Ukuba umqeshi wakho unyhashe amalungelo akho, kufuneka uqhagamshelane neKomishoni Yoxolelwaniso, Ukungenelela Nokulamla Iimbambano Zemiba Yabasebenzi (iCCMA ngamafuphi), emva kokuba uzamile ukuyisombulula le nyewe emsebenzini. I-CCMA le:
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, nantsi idilesi: Idilesi Yeposi: Private Bag X9167, eKapa, 8000 IKOMISHONI ENGOKULINGANA NGESINI Ukuba wawukhe wasengelwa phantsi (oko ke kukuthi, waphathwa kakubi) ngenxa yesini sakho (ubudoda nobukhomokazi) kuya kufuneka uqhagamshelane neKomishoni Engokulingana Ngesini. Xa ufaka isikhalazo sakho, kufuneka uzame kangangoko unakho ukunikezela ngazo zonke iinkcukacha zaso. Izikhalazo ziyimfihlelo egqibeleleyo. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, nantsi idilesi: Idilesi Yokuhlala: 7th Floor ABSA Building, 132 Kwisitalato iAdderley, Usenakho nokusifaka ngekhompyutha isikhalazo sakho. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
|