| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukunikezela Ngengxelo yoLwaphulo-mthetho
INKCAZELO: |
Ukunikezela ngengxelo yolwaphulo-mthetho osele lwenzekile, kufuneka ufowunele okanye uye kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe. Ukunikezela ngengxelo yodlwengulo okanye ukuphathwa gadalala komntwana kukho izinto ezizodwa ezithi ziqwalaselwe nezisetyenziswayo. Kwixesha likaxakeka kufuneka utsalele umnxeba kule nombolo yexesha likaxakeka yamapolisa engu: 10111 okanye 112.Xa sele uynikezele ngengxelo yolwaphulo-mthetho, kufuneka ufumane inombolo yetyala kwaye kufuneka unikwe igama lomcuphi oza kuphanda ityala lakho. Ukuba ukhathazekile ngokwasemphefumlweni ungafumana uncedo koko kwaye ukuba ufuna ukhuseleko lwamangqina noku kuyafumaneka. Ukuba ucinga ukuba umpu kufuneka uthathiwe kumntu onobungozi, kufuneka ucele ukuba kwenziwe oko. Ukuba ufuna umyalelo wokhuseleko kubundlobongela basekhaya, kufuneka ucele oko. Ukuba ufuna umyalelo wokhuseleko kubundlobongela basekhaya ungayiqalisa le nkqubo kwisikhululo samapolisa. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
INkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uFebruwari 2004