Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
IINKUNDLA & NEENKONZO ZOMTHETHO
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
iiNkundla Ezijongene Nokulingana
Iinkundla Zokulingana zenzelwe ukujongana nemiba ephantsi komthetho iPromotion of Equality and Prevention of Unfair Discrimination Act 4 ka-2000, mthetho lowo ukwaziwa njenge-Equality Act.  > 
IiNkundla Zamabango Amancinci
IiNkundla Zamabango Amancinci zisebenza ngemiba yoluntu apho ibango lingaphantsi kwama-R7000. Zikholo ukwenza ukuba inkqubo yeenkundla ikhawuleze.  > 
iiNkundla Zasekuhlaleni
uRhulumente uvule iiNkundla Zasekuhlaleni ezintathu eKapa, eMitchell's Plain naseFezeka (eGugulethu/Mannenberg) ngeenjongo zokutshutshisa iintshukumo zolwaphulo-mthetho ezingaxhomisi mehlo kwezi ngingqi.  > 
iiNkundla zooMaspala
Owona msebenzi weeNkundla zooMaspala kukujongana nokukhupha izohlwayo kwiziphoso zemithetho yendlela, kwakunye nokungathotyelwa kwemithetho yoomaspala, efana naleyo:yokahlula-hlula imihlaba kwanelawula izakhiwo, ukungcoliswa kwamanzi, ulawulo lwenkukuma, ukungcoliswa komoya, ukukhanyiswa kweenkantsi, ukuthengisa ngolwazi, iindawo zokupaka izithuthi.  > 
Ukufumana Ukukhuselwa Njengengqina
Ukuba ulingqina yaye woyikisela ukhuseleko lwakho ngezizathu zokuba lingqina, ungazifakela isicelo sokukhuselwa njengengqina. Ungoyikisela ukhuseleko lwakho okanye olwakhe nabani na osenyongweni kuwe. Ungoyika umntu omnye okanye iqela labantu.  > 
Ukufumana Uncedo Lwezomthetho
Ukuba awunako ukuhlawula igqwetha, ungafumana uncedo lwezomthetho (uncedo ngezemali kwimirhumo yamagqwetha). Kuya kufuneka uphumelele uvavanyo olubizwa ngokuba yi-'means test', oko kukuthi, kufuneka ubonise ukuba urhola imali ngenyanga engaphantsi kwexabiso elimiswe yiBhodi yoNcedo lwaseMthethweni. Eli xabiso liyatshintsha xa ungatshatanga okanye utshatile kwaye likwatshintsha ngokuhamba kwamaxesha. Kufuneka ...  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uJuni 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo