| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
IiNkundla Zamabango Amancinci zisebenza ngemiba yoluntu apho ibango lingaphantsi kwama-R7000. Zikholo ukwenza ukuba inkqubo yeenkundla ikhawuleze. Kukho intlawulo yamalunga ne-R15 yokusebenzisa iNkundla yaye akukho ngenelelo lwamagqwetha, ngoko ke akukho zintlawulo zamagqwetha. Ukuba uyafuna, ungafumana ingcebiso yezomthetho phambi kokuba uye enkundleni. Abancedisi kwezomthetho noonobhala beNkundla Yamabango Amancinci baza kukuncedisa simahla. Abantu abazimeleyo bangawafaka amabango kule nkundla, kodwa iinkampani zona. Naluphi na olunye lweelwimi lungasetyenziswa kule nkundla. Ityala alimanyelwa yiJaji okanye uMantyi, kodwa ke nguMkomishinala, omamela onke amacala ebali eli ze abuze imibuzo. INkundla Yamabango Amancinci ayiwamameli amatyala okuchithwa komtshato. Asikho isibheno kwisigqibo seNkundla Yamabango Amancnci. Kungenjalo, ukuba ucinga ukuba uMkomishinala ube nomkhethe okanye wenze okungalunganga, ungacela ukuba ityala liphinde livulwe kuphandisiswe. |
IMIYALELO: |
Ukufaka ibango kwiNkundla Yamabango Amancinci, kufuneka:
Ukumanyelwa kweli tyala akwenziwa ngokusesikweni yaye kulula, futhi akukho kugocwagocwa ngemibuzo. UMkomishinala uza kubuza yonke imibuzo ze xa sele eve kummangali nommangalelwa, enze isigqibo. Ukuba, ufuna ezinye iinkcukacha iSebe LezoBulungisa linencwadana ngokufaka amabango kwiNkundla Yamabango Amancinci. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa) |