| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
uRhulumente uvule iiNkundla Zasekuhlaleni ezintathu eKapa, eMitchell's Plain naseFezeka (eGugulethu/Mannenberg) ngeenjongo zokutshutshisa iintshukumo zolwaphulo-mthetho ezingaxhomisi mehlo kwezi ngingqi. Ezi ntshukumo zilandelayo ziintshukumo zolwaphulo-mthetho olugqubayo kwizitalato zeSixeko saseKapa, ngokweengxelo zamaphepha Ezaziso kaRhulumente anombolo ingu- 562/1987 nengu-271/1995 ke phofu, yaye abantu abaya kuthunyrlwa kwezi Nkundla Zasekuhlaleni ngabavalelwe ngenxa yezi zizathu zilandelayo:
Ezinye nje iintshukumo ezingephi zokwaphulwa kwemithetho yoomaspala, nazo zingathunyelwa kwezi Nkundla Zasekuhlaleni. Ukuba umntu othile uthe wabanjwa wavalelwa ngemva kwemini okanye malanga ngosuku oluphakathi evekini, loo mntu uya kuchitha obo busuku kwisisele sesikhululo samapolisa avalelwe kuso. Kungentsasa elandelayo apho aya kuthunyelwa kwizisele zeNkundla Yasekuhlaleni, apho aya kuvavanywa ahlatywe nemibuzo, ukuba kuyakwazeka kwangolo suku, injongo yale nkqubo ke kukuba abo bathe babanjwa bavalelwa bachithe ubusuku bube bunye kuphela eziseleni. Apha ke akukho kumiswa kwamatyala. Amatyala amaninzi ke athi asobnjululwe zezi Nkundla Zasekuhlaleni kwiiyure nje ezingamashumi amathathu anesithandathu ebanjiwe umntu lowo. Kodwa ke, ukuba umntu lowo ubanjwe wavalelwa ngoLwesihlanu okanye ngosuku lwempelaveki, kuya kufuneka alinde intsasa yangoMvulo ukuze athunyelwe kwenye yezi Nkundla Zasekuhlaleni Oonontlalo-ntle, abameli bemibutho engekho burhulumenteni efana neNICRO, kwakunye namagqwetha eBhodi Yoncedo Lwezomthetho ndawonye neeklinikhi zeedyunivesithi zoncedo lwezomthetho ahlala ekho kwezi Nkundla Zasekuhlaleni. iiNkundla Zasekuhlaleni ziyingxenye yesicwangciso-qhinga sokuthintela iintshukumo zolwaphulo-mthetho ezixhomisa amehlo ngokuthi zijongane kakuhle neentshukumo zolwaphulo-mthetho ezingaxhomisi mehlo kuqala. Ezi nkundla ke ziyakunceda nasekwehliseni umthwalo omkhulu wamatyala ekujongwana nawo ziiNkundla zooMantyi. Ezi Nkundla Zasekuhlaleni ekubuyiseleni aboni kwisimo esisiso nesamkelekileyo sokuphila; izigwebo ezininzi eziwiswa zezi Nkundla Zasekuhlaleni zibandakanya isohlwayo, ukusebenzela uluntu okanye isigwebo esixhonyiweyo, oko kuxhomekeke ke nakuvavanyo lwaloo mntu wonileyo. |
IMIYALELO: |
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, ungaqhagamshelana noMbhexeshi weNkundla Yasekuhlaleni:uJacque Jacobs 021 462 5007 084 690 1030 |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa) |