| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ukuba awunako ukuhlawula igqwetha, ungafumana uncedo lwezomthetho (uncedo ngezemali kwimirhumo yamagqwetha). Kuya kufuneka uphumelele uvavanyo olubizwa ngokuba yi-'means test', oko kukuthi, kufuneka ubonise ukuba urhola imali ngenyanga engaphantsi kwexabiso elimiswe yiBhodi yoNcedo lwaseMthethweni. Eli xabiso liyatshintsha xa ungatshatanga okanye utshatile kwaye likwatshintsha ngokuhamba kwamaxesha. Kufuneka uphinde ubonise ukuba awunayo impahla enokuthengiswa kufunyanwe imali ekwi-akhawunti yokulondoloza, nenokuthi isetyenziswe ekuhlawuleni imirhumo yakho yomthetho. Ungafumana uncedo lwezomthetho kwiindidi ezahlukeneyo zamatyala. AWUNAKULUFUMANA uncedo lwezomthetho:
Ungafumana uncedo lwezomthetho kumatyala oqhawulo lomtshato, kodwa NGAPHANDLE kwaxa:
Ungafumana uncedo lwezomthetho kwimiba yezabasebenzi:
|
IMIYALELO: |
Yiya kwi-Ofisi yeSebe leBhodi Yoncedo Lwezomthetho okanye ke, ukuba ayikho kummandla ohlala kuwo, yiya kwinkundla kamantyi ekufutshane ukuze ubuze malunga noncedo lwasemthethweni. Zonke iinkundla zikamantyi zinegosa loncedo lwezomthetho neliya kukunceda ngayo nayiphina imibuzo yakho onayo malunga noncedo lwasemthethweni. Igosa loncedo lwasemthethweni liya kujonga ukuba uyalonelisa na uvavanyo lokufikelela olubizwa ngokuba yimeans test kwakunye nokuba imeko yakho iwela ngaphakathi kuluhlu lwezikhokhelo ezimiswe yiBhodi Yoncedo Lwezomthetho. Ukuba unelungelo koku, uya kuthunyelwa egqwetheni neliya kufumana okubizwa ngokuba 'ngumyalelo woncedo lwasemthethweniÆ kwityala lakho. Elo gqwetha liya kuthi lijongane netyala lakho. Amagqwetha awanalungelo lokulandula umyalelo woncedo lwasemthethweni, kodwa ngokuqhelekileyo awafani akulandule oku. Ukuba angathi angakwamkeli oku, umyalelo woncedo lwasemthethweni ungenziwa kwelinye igqwetha. Nceda uqaphele ukuba iBhodi Yoncedo Lwezomthetho asiyiyo inkonzo engahlawulelwayo yeengcebiso zomthetho. Inikeza inkxaso ngokwezimali kwimiba yomthetho kubantu abahlupheke kakhulu abangakwaziyo ukuhlawula imirhumo yomthetho. Kodwa ke, ungazifumana iingcebiso zomthetho kunye noncedo kwiiklinikhi zomthetho ezidibene needyunivesithi, kwaye ngamaxesha amaninzi, ezi klinikhi zikwathatha imiyalelo yoncedo lwasemththweni olusuka kwiBhodi Yoncedo Lwezomthetho. EStellenbosch, le mibutho mibini ikwisakhiwo esinye. Ii-Ofisi zeBhodi Yoncedo Lwezomthetho (ezikwaziwa njengamaziko Obulungisa)iSebe eliseFlakeni: iSebe eliseKapa: iSebe eliseStellenbosch kuMgangatho Wokuqala, e-Eikestad Mall, eStellenboschInombolo Yomnxeba: 021 882 9221 Inombolo Yefeksi: 021 882 9237 iSebe eliseVostile uNdlunkulu weBhodi Yoncedo Lwezomthetho iiKlinikhi Zoncedo Lwezomthetho zeeDyunivesithi: iKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yeNtshona Kapa iKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yaseKapa kwa-44 kuMgaqo iBanghoek, eStellenbosch Malunga neKlinikhi Yoncedo Lwezomthetho yeDyunivesithi yaseStellenbosch I-email: ck@sun.ac.za Inombolo Yomnxeba: 021 808 3432 / 3925 Inombolo Yefeksi: 021 808 3720 |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
IBhodi Enikezela Ngoncedo lwezoMthetho |