Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukufumanela Amaphulo Okhuseleko Loluntu Inkxaso-mali
INKCAZELO:
iSebe Lephondo Lokhuseleko Loluntu linikezela ngenkxaso-mali kumaphulo alwa nolwaphulo-mthetho aqhutywa yimibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente ebhalisiweyo kwakunye namabutho Asekuhlaleni Alwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuze inkxaso-mali le ibe nokufikeleleka, amaphulo kufuneka abe ajoliswe:
  • ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela (umzekelo, ilinge lokubulala)
  • ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho lwasekhaya (umzekelo: ubundlobongela basekhayeni)
  • ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho olwenziwa empahleni (umzekelo: ubusela)
  • ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho kwicandelo loshishino (umzekelo: ubuqhetseba)
  • ekuxhaseni iintshukumo zeSAPS ezichasene neentshukumo zolwaphulo-mthetho ezingabandakanyi maxhoba (umzekelo: ukushishina ngokuthubelezisa iziyobisi).
IMIYALELO:
Ukuze ube nokufikelela kule nkxaso-mali, iphulo lakho kufuneka liqhutywe ngumbutho ongekho phantsi kolawulo lukarhulumente okanye iButho Lasekuhlaleni Elilwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuba umbutho wakho awubhaliswanga, kufuneka uqale uwubhalise.

Emva koko ke kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo, phetshana elo lifumaneka kwiSebe Lokhuseleko Loluntu okanye kwizikhululo zamapolisa okanye ke kwakhona kule website, ze ulingenise kweli Sebe.

Eli Sebe lenza uphando lokufumanisa ukuba ngaba la maphulo aya kusebenza ngokwenyani na ze iqulunqe izibhambathiso ezidingekayo ukuba isicelo esithile siye saphumelela. Xa iphulo elo sele liqoshelisiwe, liye liphicothwe ukufumanisa ukuba yintoni na esebenzayo.

Qhagamshelana:
Theresha Hanekom
weSebe Lokhuseleko Loluntu
Inombolo Yomxeba: 021 483 5717
Inombolo Yefeksi: 021 483 3485
I-email: thanekom@pgwc.gov.za
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uOktobha 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo