| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukuba Ngumntu Osebenzela Uxolo
INKCAZELO: |
Abantu abasebenzela uxolo bahamba-hamba apha ekuhlaleni yaye bayafumaneka ukuncedisa kuyo nayiphi na imeko yengxwaba-ngxwaba engenazigalo. Ezinye iinkonzo ezinikezelwayo ziquka ukuya kwiziganeko ezinkulu, ezifana nemingcwabo, enokuba nobundlobongela. Abantu abasebenzela uxolo banceda iindawo abahlala kuzo ixesha elingangonyaka. Nabani na obudala buyiminyaka ephakathi kwe-18 nama-35, ongaphangeliyo, ofikeleleyo kwibanga lesibhozo okanye ngaphezulu esikolweni yaye ongazange wabekwa tyala lakwaphula mthetho angasifaka isicelo sokusebenzela uxolo. Abantu abasebenzela uxolo baqeqeshwa yePeace and Development Project yeSebe Lokhuseleko Loluntu, exhaswa ngezimali ngurhulumente waseJamani. Abantu abasebenzela uxolo ABAHLAWULWA. Noxa kunjalo, njengomntu osebenzela uxolo, uya kufumana:
|
IMIYALELO: |
Ukuze ufake isicelo sokuba ngumsebenzi woxolo, kufuneka kuqala uqinisekise ukuba uyamelana nezi mfuno zilandelayo:
Ukumelana kwakho nezi mfuno akuthethi tu ukuba ngokuqinisekileyo uza kuphumelela njengomntu osebenzela uxolo. Kuya kufuneka kuqala uye kudliwano-ndlebe, apho kuya kufuneka ubonise khona ukuba ufuna ngokunyanisekileyo ukuncedisa ekuliweni kolwaphulo-mthetho ngokuthi uzibandakanye nomsebenzi wokuzinikezela ekusebenzeleni indawo ohlala kuyo. Kufuneka ubonise ukuba unawo amandla nokuzimisela ekuphuculeni ikamva lakho. Uya kuba ngumntu osebenzela uxolo kuphela xa uthe waphumelela olo dliwano-ndlebe Ukwenza amalungiselelo odliwano-ndlebe, qhagamshelana nePeace and Developmwent Project: UMnu. LM NgwatyuUMququzeleli wale Project Peace and Development Project Inombolo Yomnxeba: 021 386 3896/80 Inombolo Yefeksi: 021 386 3981 pdpwc@yahoo.com |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uMeyi 2004