Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
AMAPOLISA
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
AmaPolisa eSixeko saseKapa
AmaPolisa eSixeko saseKapa (CTCP) yinkonzo yamapolisa kamasipala. Umsebenzi ophambili we-CTCP kukunikezela inkonzo yobupolisa ngokuthi ibonakale rhoqo. Nawo akwabamba abantu ze anikezele nezohlwayo zeendidi zawo amatyala. Oku ingalulwaphulo-mthetho olunzima, amatyala eZithuthi kunye nemithetho kamaspala kwingingqi ngaphakathi kwiSixeko saseKapa.  > 
Ukuba Ngumntu Osebenzisana Namapolisa
Abantu abasebenzisana namapolisa ngamavolontiya aphuma ekuhlaleni anamagunya noxanduva olufanayo nolwamapolisa xa besemsebenzini. Ukuze ube ngumntu osebenzisana namapolisa kufuneka iimpepha zaseburhulumenteni zibe zithi akuzange wophula mthetho, futhi kufuneka ubuncinci ube waliphumelela ibanga leshumi.  > 
Ukucela Uncedo Olungxamisekileyo
Okwangoku, akukabikho nombolo inye yexesha likaxakeka eMzantsi Afrika. Ngoko ke kufuneka utsalele uthotho lweenombolo ezahlukeneyo xa ufuna iinkonzo ezahlukeneyo zikarhulumente zamaxesha kaxakeka, ngaphandle kokuba ke ukwingingqi yenqila yeSixeko saseKapa, esele inayo inombolo yayo enye yamaxesha kaxakeka engu-107.  > 
Ukufumana Uncedo NjengeXhoba loLwaphulo-mthetho
Ukuba ulixhoba lolwaphulo-mthetho, ungenzakala ngokwasemphefumlweni. Kwixesha elidlulileyo, isikhululo samapolisa yayingeyondawo apho amaxhoba, ingakumbi kulwaphulo-mthetho lobundlobongela, anokuziva ekhululekile xa egqithisa ingxelo yawo kumapolisa, okanye indawo abanokuthi bafumane uncedo lonyango ekonzakaleni ngokwasemphufumlweni.  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uMeyi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo