Iziko Elijongana Nezikhalazo Ngesipolisa
INKCAZELO: |
| iZiko Elijongana Nezikhalazo Ngesipolisa leSebe Lokhuseleko Loluntu lijongana nezikhalazo ngokunikezelwa kweenkonzo, zikhalazo ezo zisuka kuluntu ngamaqumrhu esipolisa afana neNenkonzo Yesipolisa yoMzantsi Afrika kwakunye Namagosa Esipolisa kaMaspala. Eli Ziko lamkela izikhalazo ezinento yokwenza nokunikezelwa kweenkonzo kuphela, umzekelo ukuba akukhange kubekho mpendulo kwityala elithile okanye ukuba amagosa asebupoliseni aziphathe ngeendlela ezigwenxa. Amatyala amakhulu afana nokusweleka elugcinweni lwamapolisa ajongwa liCandelo Lolawulo Elizimeleyo Elijongana Nezikhalazo. Xa izikhalazo sele zidluliselwe kwiZiko Lezikhalazo Ngesipolisa kuya kuthi kwenziwe uvavanyo okanye inyathelo lokuqala lophando ukuze kufumaneke ingqiniseko ngobunyani besikhalazo eso. Kuthi ke kwenziwe amalinge okusombulula le nyewe ngokuthi kusetyenziswane ze kungenelele naloo maqumrhu okanye abo bantu bachaphazelekayo nabasemagunyeni. Ukuba ilungu elithile lequmrhu lesipolisa lithi lifunyaniswe linetyala lokungaziphathi ngenndlela eyiyo neyamkelekileyo, eso sigqibo siya kuthi sidluliselwe kuMkomishinala wePhondo okanye kumntu okanye iqumrhu elijongene noko ukuze liphande nzulu. |   | |
IMIYALELO: |
| IZIKHALAZO Ukuba ufuna ukufaka isikhalazo ngequmrhu elithile lesipolisa, kufuneka ugcwalise iphetshana lokufaka isikhalazo onokulifumana apha ngohlobo lwe-excel okanye ngokohlobo lwe- pdf. Ungathi ke emva koko: - Utsalele umnxeba icandelo lezikhalazo kule nombolo 021 483 4332.
- Ubhalele iZiko Lezikhalazo Ngesipolisa, kwiSebe Lokhuseleko Loluntu, PO Box 5346, eKapa, 5000.
- Yisa isikhalazo ngokwakho eTower Block, 12th Floor, kwa-4 kwiSitalato iDorp, eKapa.
- Thumela ngefeksi iphetshana lokufaka isikhalazo eligcwalisiweyo kule nombolo 021 483 6026.
- Thumela nge-email iphetshana lokufaka isikhalazo kule dilesi policingcomplaints@pgwc.gov.za.
|   | UKUNCOMA Xa unokuzifumana ukwimwko apho ufuna ukwazisa eli Sebe ngeenkonzo ezintle nezisemgangathweni ezinikezelwa liqumrhu elithile lesipolisa, ungazithumela ezo nkcukacha kule dilesi ye-email policingcomplaints@pgwc.gov.za. IINKCUKACHA EZITHE VETSHE Ukuba udinga ezinye iinkcukacha, nceda uqhagamshelane: noZubaida Bardien Inombolo Yomnxeba: 021 483 4136 or Umnxeba Wesinqe: 082 823 8164 Zubardie@pgwc.gov.za | |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko:
|
IBONELELWA LISEBE:
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uJuni 2005
|
|
I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe |
 |