| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ukuba ulixhoba lolwaphulo-mthetho, ungenzakala ngokwasemphefumlweni. Kwixesha elidlulileyo, isikhululo samapolisa yayingeyondawo apho amaxhoba, ingakumbi kulwaphulo-mthetho lobundlobongela, anokuziva ekhululekile xa egqithisa ingxelo yawo kumapolisa, okanye indawo abanokuthi bafumane uncedo lonyango ekonzakaleni ngokwasemphufumlweni. ISebe loKhuseleko loLuntu ke ngoko liye laxhasa ngemali amagumbi abizwa ngokuba ngamagumbi okuthuthuzela amaxhoba,kwakunye 'namagumbi akhuselekileyo' kwisikhululo ngasinye samapolisa eNtshona Koloni. Phantse zonke izikhululo zamapolisa (kodwa ingezizo ezingamathanga) sele zinawo amagumbi okuthuthuzela amaxhoba; kukho amagumbi okuthuthuzela amaxhoba alikhulu elinamashumi amabini anethoba eNtshona Koloni. Eli gumbi lifanele ukuba lingabikho elubala kakhulu kune-ofisi yokumangala, kwaye libe nefenitshala efanelekileyo. Nangona igumbi lokuthuthuzela amaxhoba lohlukile, xa sele inkqubo yokumisa amagumbi igqityiwe, igumbi lokuthuthuzela amaxhoba ngalinye kufuneka libe negosa lamapolisa eliqeqeshwe ngokukodwa, umcebisi okufundeleyo oku kunye namagosa azinikeleyo aqeqeshiweyo nawo afumaneke. ISebe lezoKhuseleko loLuntu sele liyiqalisile le nkqubo yokuqeqesha amagosa azinikeleyo ngokwamaqela. Ii-NGO, iziko leSizwe lokunqandwa koLwaphulo-mthetho elaziwa ngokuba yi-National Institute for Crime Prevention and Rehabilitation of Offenders (NICRO) kunye neZiko lokuthuthuzela amaxhoba, ayancedisa kolu qeqesho lwamagosa azinikeleyo nokusekwa kwala magumbi. Okwangoku, izibonelelo kunye noncedo onokulufumana lwahlukile ngokwamagumbi okuthuthuzela amaxhoba. Abanye kubacebisi okanye amagosa azikeleyo angangafumaneki ngawo onke amaxesha kodwa ahlala elindile kwaye kufuneka atsalelwe umnxeba ukuba eze azokunceda xa kufanelekile. I-NGO Rape Crisis yenze uphicotho-zincwadi malunga nobume bangoku kumagumbi okuthuthuzela amaxhoba ekufumaniseni ukuba ngubani na ofumanekayo ekuncedeni amaxhoba kwigumbi ngalinye lokuthuthuzela amaxhoba kwakunye nokuba loluphi na uhlobo loqeqesho abanalo. Ungakhangela apha ukujonga ukuba loluphi na uncedo onokulufumana kwisikhululo sakho samapolisa. Ukuba awukwazi ukufumana uncedo kwisikhululo sakho samapolisa okanye awufuni kufumana uncedo kweso, i-NGO i-Trauma Centre eKapa ikwanikezela ngoncedo olungahlawulelwayo kumaxhoba olwaphulo-mthetho lobundlobongela. |
IMIYALELO: |
Xa sele uyinikezele ingxelo malunga nolwaphulo-mthetho olwenziwe kuwe kwi-ofisi yamatyala kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe, kufuneka ucele ukuya kwigumbi lokuthuthuzela amaxhoba lesikhululo eso ukuze unikezele ngengxelo yakho egcweleyo, xa uziva ukhathazekile ngokwasemphefumlweni. Ukuba ufuna uncedo neengcebiso, kufuneka ubuze ukuba bakho na abacebisi okanye amagosa azinikeleyo kwigumbi lokuthuthuzela amaxhoba okanye alindelwe ukubizwa uze ucele amapolisa awatsalele umnxeba ukuze afike akuncede. Ukuba ungathanda ukuba ngomnye wamagosa azinikeleyo kumagumbi okuthuthuzela amaxhoba, ungaqhagamshelana nenkumanda yesikhululo samapolisa esikufutshane nawe. Kufuneka uze nokuthile okuza kukuchaza ukuba ungubani na, wazi namaxesha oya kuthi ufumaneke ngawo. eke ngawo ukuze ukwazi ukunceda. Amapolisa aya kuthi akubuze ngemvelaphi yakho aze akuqalise ukuba usebenze njengegosa elizinikeleyo kwixesha elithile elimiselweyo. Uya kufumana uqeqesho ukuba oku awukufundelanga, ngexesha apho eso sikhululo samapolisa sakho siza kube silindelwe ukuba siqalise uqeqesho lwaso, njengoko lusenziwa ngokwamaqela. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, iingcebiso okanye izikhalazo malunga namagumbi okuthuthuzela amaxhoba, ungaqhagamshelana no: Nomfundo Walaza (uMlawuli) Trauma Centre For Survivors Of Violence And Torture Cowley House, 126 Chapel Street, Woodstock, Cape Town PO Box 13124, Woodstock, 7915 Inombolo yomnxeba: 021 465 7373 Inombolo yefeksi: 021 462 3143 nomfundo@trauma.org.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
INkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika |
Ukuba ulixhoba lolwaphulo-mthetho, ungenzakala ngokwasemphefumlweni. Kwixesha elidlulileyo, isikhululo samapolisa yayingeyondawo apho amaxhoba, ingakumbi kulwaphulo-mthetho lobundlobongela, anokuziva ekhululekile xa egqithisa ingxelo yawo kumapolisa, okanye indawo abanokuthi bafumane uncedo lonyango ekonzakaleni ngokwasemphufumlweni.