| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
AmaPolisa eSixeko saseKapa (CTCP) yinkonzo yamapolisa kamasipala. Umsebenzi ophambili we-CTCP kukunikezela inkonzo yobupolisa ngokuthi ibonakale rhoqo. Nawo akwabamba abantu ze anikezele nezohlwayo zeendidi zawo amatyala. Oku ingalulwaphulo-mthetho olunzima, amatyala eZithuthi kunye nemithetho kamaspala kwingingqi ngaphakathi kwiSixeko saseKapa. Kodwa ke, awaphandi matyala emva kokuba abantu bebanjiwe, njengoko oku ingumsebenzi weeNkonzo zabaCuphi beNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS). Ayabelana ngemisebenzi yobupolisa kwizithuthi kunye neNkonzo yeziThuthi kwiPhondo. I-CTCP ingohlulwa kwi-SAPS (nabanxiba izambatho ezifanayo eziluhlaza okwesibhabhaka) kunye namagosa ezothutho (anxiba iizambatho ezifanayo enobuhlaza/lubhelu obukhanyayo) ngezambatho ezifanayo yabo embala umnyama nomhlophe wokujonga inkcukacha. Iinqwelo-mafutha zabo nezithuthuthu zabo nazo zikwaphawulwe ngombala omnyama nomhlophe wokujonga inkcukacha. I-CTCP yasekwa ngomhla woku-1 kweyoMnga ku-2001 phantsi komthetho obizwa ngokuba yi-South African Police Services Amendment Act 1998. Kwezinye izixeko ezinjengeThekwini naseRhawutini, iinkonzo zezihamba-ndlela zathi ngokukhawuleza zayingxenye yeenkonzo zabo zamapolisa esixeko. EKapa, oku kuza kwenzeka ngokuthe chu kwaye uninzi lwamagosa ezihamba-ndlela aza kuba ngamapolisa esixeko ngonyaka ka-2010. Wonke umntu ongene kwi-CTCP kufuneka afumane uqeqesho olulodwa kwiKholeji yoQeqesho lwamaPolisa kaMasipala ePhilippi ngaphambi kokuba abe lipolisa lesixeko. Kukho ikomiti ebizwa ngokuba yi-Civilian Oversight Committee, nenoxanduva lokuqinisekisa ukuba i-CTCP isebenza ngendlela efanelekileyo. Le Komiti kufuneka icebise kwiBhunga leSixeko, xa iSixeko sibacelile, kuwo nawuphi na umba onxulumene ne-CTCP. Le Komiti iqulathe amalungu eBhunga eSixeko asixhenxe kwanoluntu lwasekuhlaleni olunabantu absixhenxe abasuka kwimimandla yoluntu. I-CTCP inee-ofisi kwisixeko sisonke. Inee-ofisi ezimbini ezinkulu, eyokuqala iseKapa ize enye ibe seMitchell's Plain, nalapho le i-ofisi yaseMitchell's Plain iyiyo yodwa esebenza imini nobusuku kwiiyure ezingamashumi amabini anesine zokusebenza(Intloko ye-CTCP ngokwangoku nguMark Sangster. |
IMIYALELO: |
Ungaqhagamshelana no-Anton Visser kwiCivilian Oversight Committee kule nombolo yomnxeba: 021 400 1405 okanye: anton.visser@capetown.gov.za. Xa ufuna ukuqhagamshelana ne-CTCP ngqo: City of Cape Town City Police City of Cape Town City Police |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isixeko saseKapa |