Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukuba Ngumntu Osebenzisana Namapolisa
INKCAZELO:
Abantu abasebenzisana namapolisa ngamavolontiya aphuma ekuhlaleni anamagunya noxanduva olufanayo nolwamapolisa xa besemsebenzini. Ukuze ube ngumntu osebenzisana namapolisa kufuneka iimpepha zaseburhulumenteni zibe zithi akuzange wophula mthetho, futhi kufuneka ubuncinci ube waliphumelela ibanga leshumi.
IMIYALELO:
Yiya kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe ze ucele ukuthetha nomphathi weli phulo lokugaya abantu abaza kusebenzisana namapolisa. Kuya kufuneka ugcwalise intlaninge yamaphepha ezicelo, ucinezelise neminwe yakho. La maphepha ezicelo aya kuqwalaselwa yikomiti eya kuthi ityumbe ophumeleleyo. Kuya kufuneka nawe uvele phambi kwale komiti.

Ukuba uyamelana nazo aonke iimfuno ze ikomiti ejongene nokutyunjwa kophumeleleyo igqibe ekubeni isamkele isicelo sakho, uya kuthi ke ufumane uqeqesho kiwmisebenzi yasebupoliseni,kuquka noqeqeswho ngemipu, kwisithuba seenyanga ezintandathu. Xa sele uluqoshelise ngempumelelo lonke uqeqesho, uya kufumana iphetshana eliqinisekisa ukuqeshwa kwakho nempahla yokunxiba yesipolisa. Uya kuthi unikwe nompu oya kuthi uwusebenzise xa usemsebenzini; mpu uhlala ugciwa ngamapolisa xa ungaphangelanga. Akuyi kuwunikwa umpu ukuba uthi uthi ungaluphumeleli uqeqesho lwemipu.

Amaxesha akho okusebeza aya kuqinisekiswa ngumphathi wesikhululo ngokuthi yena aqwalasele imikhwa namaxesha olwaphulo-mthetho kuloo ngingqi kwakunye namaxesha ofumaneka ngawo. Abantu abasebenzisana namapolisa ngamavolontiya anomnqweno wokunceda uluntu ekuhlaleni futhi awahlawulwa ngomsebenzi awenzayo. Kodwa ke, anamagunya noxanduva olulinganayo nolwalo naliphi na igosa lasebupoliseni xa besemsebenzini.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
INkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uJanuwari 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo