Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
UKULUNGISELELA ISIKOLO
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
Isixhobo Sokukhangela i-"Fumana Isikolo"
I-WCED igcine inxiwa lezikolo kwakunye namaziko kweli Phondo. Unokukhangela kweli nxiwa:Ngegama lesikolo, Ngolwimi lwezifundo, Ngehlomela-dolophu okanye idolophu, Ngesithili semfundo, Uhlobo lwesikolo(esemfundo ephantsi, njalo-njalo), Izifundo ezinikezelwayo (amaBanga 8 ukuya kwele-12), Amaziko emisebenzi ekhethekileyo (ubuchule, umculo, njalo-njalo etc)  > 
Ukwamkelwa Ezikolweni
Abafundi ngokwesiqhelo baqala ibanga lokuqala ekuqaleni konyaka abaza kuba neminyaka esixhenxe ngawo. Abantwana banakho ukungena kwiBanga lokuqala kunyaka ongaphambi kwalowo baza kuba neminyaka esixhenxe ngawo ukuba uvavanyo lwe-WCED lubonisa ukuba bakulungele ukuya esikolweni.  > 
Uvavanyo Lokulungela Isikolo
Abantwana baqhele ukuqala iBanga lokuqala kunyaka abaza kuba neminyaka esixhenxe bezelwe ngawo. Abantwana abazakuba neminyaka emithandathu apha enyakeni bangaqalisa esikolweni ukuba kubonakala besilungele.  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uSeptemba 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo