Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukwamkelwa Ezikolweni
INKCAZELO:
Abafundi ngokwesiqhelo baqala ibanga lokuqala ekuqaleni konyaka abaza kuba neminyaka esixhenxe ngawo. Abantwana banakho ukungena kwiBanga lokuqala kunyaka ongaphambi kwalowo baza kuba neminyaka esixhenxe ngawo ukuba uvavanyo lwe-WCED lubonisa ukuba bakulungele ukuya esikolweni.

Ezinye izikolo zinikezela ngebanga u-R/0 ukunceda abantwana bazilungiselele ukuya kwiBanga lokuqala. Abantwana baqhele ukuvunyelwa ukuba baqale iBanga u-R kunyaka abaza kuba neminyaka emithandathu ngawo.

Xa ufaka isicelo kwisikolo ukuba umntwana wakho abhaliswe njengomfundi, kufuneka ube:

  • nesiqinisekiso esisesikweni sokuzalwa komntwana lowo wakho
  • nobungqina bokuba umntwana wakho ukhe wagonywa

Abemi abangengobaseMzantsi Afrika nabo kufuneka bene-:

  • phepha-mvume lokufunda
  • iphepha-mvume lokuhlala okwexeshana okanye isigxina okanye ubungqina bokuba sele besifakile isicelo sokuhlala eMzantsi Afrika.

Akukho sikolo sinokuphatha kakubi umntwana. Kungoko kungekho sikolo sikaRhulumente sinokuthi abantwana mababhale uviwo lokwamkelwa, okanye salele umntwana ukuba angene kumasango aso kuba abazali bengazihlawulanga okanye bengenakho ukuhlawula iintlawulo.
IMIYALELO:
Faka isicelo sakho kwangethuba kunyaka ongaphambi kwalowo umntwana wakho kufuneka eqale ngawo kwisikolo sakhe esitsha.Iisicelo sakho kufuneka ungasifaki kwisikolo osithandayo kuphela, kodwa izikolo ezikwingingqi yakho usebenzisa isixhobo sokukhangela i'Fumana isikolo'.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Iinkonzo Zenkxaso Kwimfundo Eyodwa (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uFebruwari 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo