| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
AmaBanga ukusuka ku-R ukuya ku-9
INKCAZELO: |
Kunyanzelekile ukuba isikolo siqalwe ekuqaleni konyaka xa umfundi lowo aza kuqala iminyaka esixhenxe de afikelele kwiBanga le-9 okanye kuloo nyaka umfundi aya kube efikelela kwiminyaka eli-15 ngawo (nokuba yiyiphi na eyenzeka kuqala). Eli nqanaba libizwa ngokuba linqanaba leMfundo noQeqesho ngokuBanzi kwaye livela ngokwezigaba ezithathu:
ISIGABA ESISISISEKO Esi sigaba sigxininisa ekufundiseni ukufunda nokubhala, ukubala ngamanani nezakhono zobomi. Abafundi abakwibanga le- 3 baqalisa ukufunda ulwimi olongezelelweyo. Isigaba esiphakathi Esi sigaba sigxininisa kwiinkqubo ezintlanu zokufunda:
ISIGABA ESIPHEZULU Ngesi sigaba abafundi kufuneka bazibeth' entloko izifundo ezizezi:
|
IMIYALELO: |
Ungaphanda ukuba ziziphi na izikolo zikarhulumente ezikwindawo ohlala kuyo ngokusebenzisa idilesi yekhompyutha kwicandelo lokufuna leSebe lezeMfundo eNtshona Koloni eliyi, 'Fumana iSikolo'. Ingaba ibiza malini? Imali ehlawulwa isikolo imiselwe yibhodi elawula isikolo, oko kusenziwa ngentsebenziswano nabazali. Abazali kufuneka behlawule imali yokufunda, oko kusenziwa ngokufaka isicelo sokuvunyelwa bangayihlawuli, okanye bangayihlawuli yonke xa bengenakho ukuyihlawula iphelele. Iinkcukacha malunga neentlawulo zesikolo kwanokuvunyelwa ukuba ungazihlawuli ziyafumaneka ezikolweni. Ungafumana nezinye uzifunde kwikhompyutha. |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uFebruwari 2004