| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Abafundi bangalufumana uqeqesho olulungiselelwe bona emculweni kumaziko omculo aphantsi kweSebe Lemfundo laseNtshona Koloni: IZIKO LOMCULO IBEAU SOLEIL Eli ziko linabafundi Abamalunga namakhulu amahlanu yaye ligxininisa kwizifundo zefidyoli, ifidyoli enkulu, isikhaliso esikhudlwana kunefidyoli, ibhasi ephinwe kabini, imbande, iobho, ixilongo elenziwe ngomthi, ibhasuni, ixilongo lomculo, uphondo lwamaFrentshi, ixilongo, uhlobo oluthile lwexilono, ixilongo elikhulu lebhasi, ixilongo esandi kunye nezixhobo zokubetha isithonga. Esi sikolo sinothotho lwee-okhestra zeengcingo, amaqela omoya kwakunye ne-okhetsra yesimfoni. IMusic for Africa Development Trust yasekwa sesi sikolo ukuqhuba iinkqubo zokufikelela kubafundi abasukakwiingingqi ezihlelelekileyo. Abafundi, ukuze bamkelwe kwesi sikolo, kufuneka baye kuvavanywa, futhi kuchongwa abo bavakala becula ngesakhono kwanabo babonisa ithemba lokukhula emculweni. Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana: neZiko Lomculo iBeau Soleil IZIKO LOMCULO IHUGO LAMBRECHTS Malunga namakhulu amane anamashumi amathathu abafundi bangena kwesi sikolo ukususela kwiingingqi eziquka iCaledon, iHermanus, nePiketberg. Benza izifundo kwizixhobo ze-okhestra ezifana neengcingo, umoya ophuma eplangeni, ibhrasi nezixhobo zengxolo yesandi. Esi sikolo sinee-okhestra zomoya ezintlanu, ii-okhjestra zomoya ezintlanu kwakunye ne-okhestra yesimfoni. Ngaphezu koko, lilo lodwa iziko elinikezela nangezifundo zogwali. Xa befuna ukufaka izicelo zokwamkelwa kwesi sikolo, abafundi kukwafuneka bevavanyiwe. Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana: neZiko Lomculo iHugo Lambrechts IZIKO LOMCULO IFRANK PIETERSEN MUSIC CENTRE Eli iziko linikezela ngezifundo kwizixhobo zomculo kwakunye nenkqubo yeqela lomculo lenkosikazi, eliquka ukudlala kwiqela lemarimba, enikezelwa bucala. Ukucula wedwa kwakunye nomsebenzi weekwayala zikwanikezelwa kwesi sikolo njengezifundo kwikwayala yolutsha nakwikwayala yabadala. Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana: neZiko Lomculo iFrank PietersenKwisitalato iSanddrift, eNoorder Paarl, 7646 Inombolo Yomnxeba: 021 872 2123/4 Inombolo Yefeksi: 021 872 7651 principal@fpmusiccentre.org.za |
IMIYALELO: |
Usenokuqhagamshelana noMlawuli Wophuhliso Lwezifundo ukuze abe nokukunika ezinye iinkcukacha:uJenny Rault-Smith Kule nombolo Yomnxeba: 021 467 2622 Inombolo Yefeksi: 021 467 2880 jrault-smith@pgwc.gov.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Uphuhliso Lobume Bezifundo (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |