| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ingaba ufuna ukuqinisekisa isiqinisekiso sokuphumelela imatriki okanye idiploma yobufundisi-ntsapho? Ungasithumela ngefeksi ke isicelo eso sakho ke kwiSebe Lemfundo leNtshona Koloni okanye Kumalusi okanye ke uqhagamshelane nabo ukuze ufumane ezinye iinkcukacha. |
IMIYALELO: |
Xa ufuna ukuqinisekisa isiqinisekiso sokuphumelela imatriki okanye idiploma yobufundisi-ntsapho oyifumene phambi ko-1992 kufuneka uthumele ngefeksi isicelo sakho kwiSebe Lemfundo leNtshona Koloni kule nombolo 021 461 5637. Akukho mfuneko yantlawulo. Xa ufuna ukuqinisekisa isiqinisekiso sokuphumelela imatriki okanye idiploma yobufundisi-ntsapho oyifumene emva ko-1992 kufuneka uthumele isicelo eso sakho ngefeksi Kumalusi, oliqumrhu eliqinisekisa umgangatho yemfundo noqeqesho oluphangaleleyo kwanolo lugqithelayo, kule nombolo 012 349 1511. Kuya kufuneka ke ukhuphe intlawulo yama-R30 (ngaphandle kwe-VAT) kumaqumrhu abucala ze ibe ngama-R20 kumaqumrhu lseburhulumenteni. Isicelo eso kufuneka sibhalwe phantsi kwegama leziko elithile. Nikezela iinkcukacha ezigcweleyo kangangoko unakho, eziquka:
Ukuba unazo ezinye iikopi zesi siqinisekiso, suka uthumele zona kube kanye. Uya kuyifumana impendulo kwesi sicelo kwisithuba seeveki ezimbini ukuya kwezintathu. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana: neSebe Lezemfundo laseNtshona KoloninoShane Martin no-Oscar Cannon Inombolo Yomnxeba: 012 349 1510 I-email: info@umalusi.org.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |