| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
I-Cape Academy of Mathematics, Science and Technology
INKCAZELO: |
ICape Academy of Mathematics, Science and Technology eConstantia, eKapa sisikolo esitsha sikarhulumente esiqalwe liSebe lezeMfundo laseNtshona Koloni, sisenzelwa ingakumbi abo bafundi banetalente ekhethekileyo kwizibalo, inzululwazi, nobuxhaka-xhaka bobugcisa. Esi sikolo siyingxenye yesicwangciso-qhinga esibanzi sokwandisa inani labafundi abaphumelela imatriki yabo kwezi zifundo kwibakala eliphezulu, ingakumbi abo basuka kwiingingqi ezihlelelekileyo. Njengesongezelelo kwinkxaso ephuma kwiingcali ngeSiqinisekiso Sokuphumelela iimviwo zebanga leMatriki, esi sikolo sibonelela ngethuba elinqabileyo ebomini njengoko abafundi besenokufumana uncedo lwenkxaso-mali yokufunda ukuze bathabathise ngezifundo kumaziko emfundo ephakamileyo. Esi sikolo sisixhobo semfundo esikwabonelela nangendawo yokuhlala kwabo bafundi bafuna ukuqesha indawo yokuhlala. Ngonyaka ka-2004, esi sikolo siya kujongana nabafundi bebanga leshumi, ze ibe leleshumi elinanye neleshumi elinesibini kwiminyaka ezayo. Isikolo esi sibonelela ngala mathuba alandelayo kubafundi:
|
IMIYALELO: |
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe neempepha zokufaka izicelo, cofa kwikhonkco lothungelwano lweCape Academy kwi- website yeWCED okanye uqhagamshelane:NoGqir. C. Coetzee: 021 467 2120 UGqir. R. Bouma: 021 467 2121 UMnu. T. Olivier: 021 467 2118 UNksz. A. Pearce: 021 467 2125 uNksz. B Slabber: 021 467 2027/8 (Inombolo Yefeksi: 021 425 7465) |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uJuni 2004