Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Iingcebiso Ngezifundo Ezinokuthatyathwa
INKCAZELO:
Esi Sikhundla Sonxibelelwano Solutsha lweMsomsobomvu siqulethe iinkcukacha ngezifundo ezahlukeneyo ezinokuthi zithatyathwe kwaneemfuno zokungena kwisifundo ngasinye. Ulwazi olulapho luquka:
  • ingcaciso ngezo zifundo
  • iimpawu zomntu onokuthabatha ezo zifundo
  • inqanaba lokufunda olufunekayo (kuquka nokuzikhethela izifundo ozithandayo)
  • izifundo zeziko lemfundo ephakamileyo ezifunwayo
  • abaqeshi abanokuba nomdla kwabo bafundi
  • imithombo yolwazi enokuba luncedo ngezo zifundo umntu azikhethileyo
  • izifundo ezisonde kwezo umntu azikhethileyo
  • amathuba oncedo ngenkxaso-mali yokufunda.

Umsobomvu uvelise incwadana ebizwa ngokuba yi- " Esi sikhundla sonxibelelwano siqulethe ulwazi ngokuba ungawukhangela njani na umsebenzi.

IMIYALELO:
Ukuze ukwazi ukuphendla esi sikhundla solwazi sekhompyutha, ndwendwela le dilesiwww.youthportal.org.za.Usenakho nokutsalela umnxeba iZiko Leminxeba leYouth Connect kule nombolo: 08600 YOUTH (08600 96884).
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Iinkonzo Zonxibelelwano Nolwazi ngoRhulumente (The Government of South Africa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uJuni 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo