Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukufumana Isiqinisekiso Esitsha Sokuphumelela iBanga Leshumi
INKCAZELO:
Kwenzeka ntoni xa uthi ulahlekelwe sisiqinisekuiso sakho sebanga leshumi? Ungasifumana esinye esithabatha indawo yeso usilahlileyo kwiSebe Lemfundo laseNtshona Koloni, ukuba iimviwo zakho zeli banga wazibhalela kweli phondo.
IMIYALELO:
Inyathelo lokuqala kukwenza isigqibo esifungelweyo apho uxela ukuba usilahlile isiqinisekiso sakho. Isigqibo esifungelweyo luxwebhu apho uxela iinyaniso ozaziyo phantsi kwesifungo.

Ungasenza isigqibo esifungelweyo apho uxela ukuba usilahlile isiqinisekiso sakho kuso nasiphi na iSikhululo Samapolisa okanye ke ungacela namphi na uMkomishinala Wezifungo (amagqwetha ngaBakomishinala Bezifungo) 9abanokukunceda wenze isigqibo esifungelweyo.

Emva koko ke kufuneka uthabathe iphetshana uR15 nesi sifungo sakho uzise kwii-ofisi zeSebe Lemfundo laseNtshona Koloni, apho unokwenza khona isicelo sakho sesinye isiqinisekiso kwitafile yemibuzo. Nantsi idilesi yesitalato:

iSebe Lemfundo laseNtshona Koloni
Grand Central Towers
Kwesisezantsi iSitalato iPlein
eKapa
8001

Okanye ke, ungayithumela ngeposi esi sifungo sakho, ndawonye nencwadi yembalelwano ecela esinye isiqinisekiso, ze ufake netsheki okanye ke ipostal order yeshumi elinesibini leerandi kule dilesi:

iSebe Lemfundo laseNtshona Koloni
Private Bag X9114
eKapa
8000
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
R15
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uDisemba 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo