Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukubhalisela Imfundo Yasekhaya
INKCAZELO:
Abazali abafuna ukubonelela abantwana babo ngemfundo yasekhaya kufuneka babhalise kwi- WCED.

UKUBHALISELA IMFUNDO YASEKHAYA

Eli Sebe liya kusiqinisekisa eso sicelo ukuba umfaki-sicelo unokulanelisa ukuba:

  • Oku kubhalisa kujongene neemfuno zomfundi lowo.
  • Imfundo ekubonelelwa ngayo ekhayeni apho iya kumelana nezona mfuno zingundoqo zemfundo efumaneka kwizikolo zikarhulumente.
  • Le mfundo yasekhaya iya kuba yekumgangatho ongekho sezantsi komgangatho wemfundo enikezelwa kwizikolo zikarhulumente.
  • Abazali baya kuthobela nayiphi na imiqathango emiselwe yiNtloko yeSebe lezeMfundo.

Oku kubhalisa kungarhoxiswa. Kodwa phambi kokuba oko kwenzeke, iNtloko yezeMfundo kufuneka:

  • Yazise umzali ze imnike nezizathu zoko.
  • Inike umzali ithuba lokuba azithethelele.

Umzali angafaka isibheno kuMphathiswa wephondo kwezeMfundo ngokukhatywa kwesicelo sakhe sokubhalisa umfundi okanye ukurhoxiswa koko kubhaliswa.

UKUPHELISWA KOKUBHALISELWA IMFUNDO YASEKHAYA

Ukuba umfundi obebhaliselwe imfundo yasekhaya uthi ekuhambeni kwexesha amkelwe kwisikolo sikarhulumente okanye esizimeleyo, umzali kufuneka acele iNtloko yeSebe lezeMfundo ngembalelwano ukuba iphelise ukubhaliselwa imfundo yasekhaya komfundi lowo.
IMIYALELO:
Izicelo zenziwa kwiphetshana lesicelo elenzelwe oko elinokufumaneka kweli Sebe.

Umzali kufuneka angenise elo phetshana lesicelo ligcwalisiweyo nekopi yesiqinisekiso sokuzalwa komfundi lowo.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana:

noDave Shepherd
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2611/13
Inombolo Yefeksi: 021 467 2996
dshepherd@pgwc.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uEpreli 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo