| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukuthintela Ukungcungcuthekiswa Kwabafundi Nabahlohli Abaphila Nentsholongwane kaGawulayo
INKCAZELO: |
Bonke abafundi kufuneka bawahloniphe amalungelo abanye abafundi nabahlohli. Izikolo kufuneka zidale indawo yokufundela engakuvumeliyo ukuxhatshazwa kwabafundi nabasebenzi abaphila nentsholongwane kaGawulayo ngokuthi:
Amabhunga olawulo ezikolo kufuneka aqulunqe ze aqinisekise ukusetyenziswa kwemigaqo-nkqubo yawo, migaqo-nkqubo leyo kufuneka ihambelane nalo wesizwe. La mabhunga kufuneka akwenze oku ngentsebenziswano nabo bonke abantu namaqumrhu achaphazelekayo kulawulo lwezikolo. Uxwebhu oluthi:'Wazi Amalungelo Noxanduva Lwakho' lunikezela ngolwazi kweyona miba iphambili nebalulekileyo kulo mgaqo-nkqubo wesizwe nokuba ungenziwa njani na umgaqo-nkqubo Wesikolo wemiba yentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo. |
IMIYALELO: |
Ukuze ube nokufumana ezinye iinkcukacha, qhagamshelana neNkqubo Yezakhono Zobomi Elumkisa Ngentsholongwane kaGawulayo/oGawulayo yeSebe Lezemfundo Lephondo leNtshona Kolon, uthethe no-: Peter Fenton Kule nombolo Yomnxeba: 021 467 2125 / 6 / 7 pfenton@pgwc.gov.zaOkanye ke uqhagamshelane nelona Ziko leNkxaso kwezeMfundo likufutshane nawe. |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
|
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJulayi 2005