Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Iziko Elitsalelwa Iminxeba Lezikolo Ezikhuselekileyo
INKCAZELO:
I-WCED ivule iZiko Elitsalelwa Iminxeba Lezikolo Ezikhuselekileyo njengengxenye yeNkqubo Yezikolo Ezikhuselekileyo.

Abahlohli, abafunda nabazali banokutsalela umnxeba kwinombolo yomnxeba engahlawulelwayo ukunikezela ingxelo ngobundlobongela, impatho-mbi, ukusetyenziswa kakubi kotywala neziyobisi, ukonakaliswa kwempahla nezakhiwo kwakunye/okanye nobuqhophololo.

Iziko Leminxeba libonelela ngolwazi:

  • ngokuqhomfa
  • ngokuzinikela etywaleni
  • ngokusetyenziswa kakubi kweziyobisi
  • nangentsholongwane kaGawulayo noGawulayo
  • ngocalu-calulo ngokobuhlanga
  • ngexesha lokukhulelwa.

Abasebenzi beli Ziko bakuqeqeshelwe ukunikezela ngoncedo neengcebiso zokuqala ngekhompyutha kuhbantu abadinga uncedo. Ukuba olunye uncedo luyafuneka abatsali-minxeba bathunyelwa kwiingcali.
IMIYALELO:
Inombolo yomnxeba engahlawulelwayo yeli Ziko ithi:0800 45 46 47.

Le nombolo ingahlawulelwayo isebenza ukusuka ngeMivulo ukuya kuma ngooLwezihlanu phakathi kwentsimbi yesibhozo kusasa ukuya kwicala emva kweyesixhenxe emva kwemini. Iminxeba eyenziwa ngempela-veki iyagcinwa ze iphendulwe ngeentsasa zeMivulo.

Abasebenzi beli Ziko banakho ukubanceda abatsali-minxeba ngesiBhulu, isiNgesi nesiXhosa.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uOktobha 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo