| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ulutsha olusemngciphekweni ngabafundi abaneengxaki ezifana nokusebenzisa ngendlela egwenxa iziyobisi/utywala okanye abakungquzulwano nomhetho. Iingxaki zabo zomphefumlo kwakunye/okanye ezokuziphatha zingumqobo ekufundeni nasekukhuleni kwabo. eNtshona Koloni nje kuphela mahlanu amanqanaba enkxaso ejzijoliswe ekuthinteleni okanye ekusombululeni iingxaki ezikumila kunje. Uhlobo lwenkxaso nezithintelo ezinokunikwa umfundi ngamnye zixhomekeka kubuzaza bengxaki leyo. Iinkqubo zokungenelela ziquka iinkonzo zenkxaso kwezemfundo, kwezonyango, kwakunye/okanye nezasekuhlaleni. La manqanaba mahlanu enkxaso ngala:
INQANABA LOKUQALA: UTHINTELO KWIZIKOLO ZONKE Inkqubo yokuyala kwangexesha, ejongene nokungenelela kwiimeko zabantwana abasebatsha kakhulu, ifakwa kuzo zonke izikolo. Kwenziwa onke amalinge okuthintela iinzima zomphefumlo kwakunye/okanye ezinento yokwenza nokuziphatha ekudalekeni okanye ekuqhubekeleni phambili. INQANABA LESIBINI: UKUNGENELELA KWANGEXESHA KUZO ZONKE IZIKOLO Inkxaso yomphefumlo kwakunye nesikhokelo ziyanikezelwa kubafundi abakufumana kunzima ukumelana nemiqobo yomphefumlo/eyonakalisa indlela yokuziphatha kwabo kumagumbi okufundela. INQANABA LESITHATHU: IINKQUBO ZENKXASO EZISEKELWE EZIKOLWENI Iinkqubo zenkxaso ezisekelwe ezikolweni, iinkqubo zophuhliso ezijoliswe kulutsha kwakunye nokungenelela ngabom ziyanikezelwa kubafundi ababonakala besemngciphekweni wokugxothwa esikolweni, abakhutshwayo kumakhaya abo, okanye abangena kungquzulwano nenkqubo yobulungisa elwa nolwaphulo-mthetho, kwanakubantwana ekubonakala kunyanzelekile ukuba bakhutshwe esikolweni okwexexshana. INQANABA LESINE: UNONOPHELO LOLUTSHA KWAKUNYE NAMAZIKO EMFUNDO Apho kuthi kucace ukuba umfundi othile akazuzanga ngokwezicwangciso kule nkqubo yenkxaso, kusenokuqwalaselwa ukuba loo mfundi athunyelwe kwinkqubo yasekuhlaleni okanye yophuhliso kwiziko lolutsha nemfundo. Umgaqo wokusebenzisa eyona ndlela ingenazithintelo zininzi usetyuenziswa kuyo yonke le nkqubo. Abantu abatsha bathunyewa kula maziko ngokwemigaqo yemithetho elawula oko. La maziko anikezela ngendawo yokuhlala kwakunye nenkqubo yenkxaso elungiselelwe iingxaki zomntu ngamnye. Isikhokelo sokusebenza ngendlela eyiyo kula maziko sisekelwe kwimigangatho ebekwe liQumrhu Elijongene Namalungelo Omntwana loMbutho Wezizwe Ezimanyeneyo. Le migangatho ijolise:
Mane amaziko Ononophel Lolutsha Nemfundo eNtshona Koloni:
INQANABA LESIHLANU: AMAZIKO AWODWA AJONGENE NONONOPHELO NEMFUNDO KULUTSHA Lukho unonophelo olulodwa olunikezelwa kulutsha olukungquzulwano nomthetho okanye abonakele kakhulu emphefumlweni nekunokufuneka benikwe inyameko ngokwasemzimbeni, emphefumlweni nangokwendlela abaziphethe ngayo. Abantu abatsha bathunyelwa kula maziko ziinkundla ngokwemiqathango yemithetho ethile elawula oko ukuze bahlale kuwo njengesinyanzelo. Umntu omtsha ngamnye unikwa isicwangciso sophuhliso lwakhe ukumnceda abuyele kwisimo sesiqhelo nesamkelekileyo. Ingcali kwimpilo yengqondo, ingcali kunyango lomntu, umongi oqeqeshiweyo kunye nonontlalo-ntle bayafumaneka kwiziko ngalinye ukuze bajongane neemeko zolu lutsha. Abahlohli bafumana noqeqesho olulodwa kwizifundo nasekusebenzeni ngononophelo lwabantwana. Mabini amaziko akumila kunje apha eNtshona Koloni: |
IMIYALELO: |
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelananoGqirha Charles Coetzee kule nombolo yomnxeba: 021 467 2027 Eyefeksi: 021 425 7465 ccoetzee@pgwc.gov.za |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Iinkonzo Zenkxaso Kwimfundo Eyodwa (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |