| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukubhaliswa Kwabahlohli
INKCAZELO: |
Bonke abahlohli kufuneka babhalise neBhunga laBahlohli loMzantsi Afrika (SACE). Awunakho ukuqeshwa njengomhlohli ukuba awubhalisanga. |
IMIYALELO: |
Ukuze ube kanti uyakwazi ukubhalisa, kufuneka ufake isicelo kwi-SACE, ufake iimpepha ezifunekayo (iikopi ezigximfiziweyo zeempepha zokufumana kwakho ubuhlohli kwakunye nekopi yencwadana yakho yesazisi) ze uhlawule imali yokubhalisa. Iinkcukacha zenkqubo yokufaka isicelo ziyafumaneka kwi-website ye-SACE. Usenakho nokuzifumanela iphetshana lesicelo kwikhompyutha. Ukuba isicelo sakho siphumelele, i-SACE iya kukubhalisa ze ikunike isiqinisekiso sokubhaliswa kwakho. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana neSebe lokuBhalisa le-SACE:Inombolo Yomnxeba: 012 663 0420/22/27 Fax: 012 663 9238 registration@sace.org.za |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
IBhunga laBahlohli bezeMfundo boMzantsi Afrika |
IXABISO: |
R60 |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 3 uOktobha 2006