Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Amanyathelo Okufunda Ngekhompyutha
INKCAZELO:
ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni lisebenzisa izicwangciso-qhinga eziliqela ukuqinisekisa ukuba eli phondo liyabuqwalasela ubugcisa beekhompyutha kwanobugcisa bonxibelelwano olumandla (ICT) kwezemfundo.

ISebe lezeMfundo eNtshona Koloni liceba ukusebenzisa obu bugcisa beekhompyutha nobonxibelelwano ezikolweni ukuze bube:

  • nokuzisa indlela yokufunda iyixhase kananjalo.
  • nokunceda ekuphakamiseni imigangatho yokufundisa nokufunda kwizikolo ezihlelelekileyo.
  • nokufundisa ixhase abahlohli.
  • nokunciphisa iyantlukano ngokwamanani.
  • nokuxhobisa abafundi ukuba bazibandakanye noluntu olunolwazi kwizizwe zehlabathi.
  • nokukhuthaza abafundi ukuba bazilungiselele umsebenzi kwiinkalo zenzululwazi, ezobunjineli nakwi-ICT.
  • nokuqokelela kwanokuhambisa iinkcukacha zokulawula.
  • Nokuqinisekisa ukuba zonke izikolo ezikweli phondo, ezo zisemaphandleni, kanti nezi zikwimimandla yedolophu, zifikelela msinyane kwisetyhula nakwiinkcukacha zokulawula.

Izicwangciso-qhinga ze 'eLearning' ezifezekiswayo eNtshona Koloni zibandakanya ezi:
  • IKhanya Technology in Education Project, ephuhlisa nephumeza iindlela zokusebenzisa i-ICT ukuphucula indlela yokufundisa nokufunda ezikolweni.
  • IDassie Project, ephuhlisa nekwaphumeza iindlela zokuphucula ukufundisa nokufunda ekuqhubeni nemfundo ukuya kutsho kwiiKholeji zeMfundo noQeqesho.
  • IProjekthi yoNxibelelwano ngoMnxeba, edityaniswe ne-internet phantse kuzo zonke izikolo kweli phondo) izikolo ezingekafakwa ziza kufakwa nazo kungekudala emva nje kokuba zifakelwe umbane);
  • Indlela yokufumana ulwazi ngekhompyutha yeSebe lezeMfundo eNtshona Koloni, ezisa iinkcukacha ezisekelezwe kwinxiwa lekhompyutha kwaneenkonzo kubafundi, abazali, ootitshala, abalawuli bezikolo kwanabo bonke abachaphazelekayo kwimiba yezemfundo.
  • Iprojekthi yoBume bezifundo eqhubayo inendlela ezenzela ngokwayo ekusebenziseni ii- ICT kusenzelwa uphuhliso lobume bezifundo, ukunikezelwa kweenkonzo nenkxaso.
IMIYALELO:
Ukufumana ezinye iinkcukacha qhagamshelana no-:
Mike Chiles
Inombolo yomnxeba: 021 467 2025/6
Ifeksi: 021 467 2996
http://wced.wcape.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Ulwazi Nenkxaso Yobuxhaka-xhaka Bobugcisa (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 15 uJuni 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo