Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Amaphepha-mvume okuqhuba elwandle kwaneZiqinisekiso zokuSebenza Ngeendawo Zokudlala ngamaPhenyane
INKCAZELO:
Isebe eli lijongana ngokwalo nezicelo zamaphepha-mvume okuqhuba elwandle ngeenjongo zophando lwezenzululwazi, ukusebenza ngokuzonwabisa, ushishino ngabatyeleli kwanokufumana indlela yokungea kumhlaba wabanye abantu ukuba ayikho enye indlela yokungena kuloo ndawo. Eli Sebe likwajongana nezicelo zeemvume zokusebenza kwiindawo zokudlala ngamaphenyane.

Izicelo ezi zihlolwa ngokwemigaqo yoMthetho woLawulo lweNdalo yeSizwe Engqongileyo, ka-1998, kugxininiswa kakhulu kumhlathi u-24(7) walo mthetho, ngophando, uhlolo kwanonxibelelwano lweziphumo ezidibanisa okungqonge indalo ngenxa yeentshukumo ezifakelwa isicelo eso. Isebe liyaqinisekisa ukuba ezi zicelo zihlanganiswe nezinye izicelo ezisondeleleneyo, ezizezi: isivumelwano sokuqeshisa ngokwemigaqo yoMthetho iSea Shore Act, ka-1935, okanye isicelo se-EIA apho ukwakhiwa ngaphantsi kwendawo amanzi aphezulu akuyo ifakelwa isicelo.

Ngokusekelwe kolu hlolo, isigqibo siya kwenziwa liSebe leMicimbi yeNdalo Engqongileyo noCwangciso loPhuhliso nokuba isicelo eso sigunyazisiwe okanye akunjalo.

Isigqibo esibhalwe phantsi sibizwa ngokuba yi-Record of Decision (ROD). Eli ke liphepha elisemthethweni elixela elubala imiqathango efunekayo ukukhusela impilo yabantu kwanendalo engqongileyo. Ukuba intshukumo leyo igunyazisiwe, mhlawumbi iphepha-mvume okanye isiqinisekiso sokusebenza sikhapha I-Record of Decision nayiphi na ekulungeleyo oko.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana no-:
Janette de Jager
Environmental Management
Private Bag X9086, Cape Town, 8000
Inombolo yomnxeba: 021 483 2994
Inombolo yefeksi: 021 483 4372
jdejager@pgwc.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 31 uMatshi 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo