| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukubhalisa iSibhedlele Sabucala
INKCAZELO: |
Sonke isibhedlele sabucala okanye indawo esebenza ngezigulane enganxulumenanga nekawonke-wonke kufuneka ibhalisiwe. Xa oko kwenziwe iSebe lezeMpilo liza kunikezela ngesiqinisekiso sokubhaliswa kumnini weso sibhedlele, ekufuneka sihlaziywe phambi komhla wama-31 kweyoMnga wonyaka ngamnye. |
IMIYALELO: |
Ukubhaliswa kwesibhedlele sabucala kungaphunyezwa kuphela xa:
Xa ufaka isicelo sokubhalisa, kufuneka unikezele ngengcaciso ngesakhiwo ezakuquka nendawo isakhwo eso esikuyo, imo yonyango oluza kunikezelwa apho, amaqela eentlanga abasebenzi bendawo leyo abangawo kwakunye noluntu ekubonakala ingathi iza kuba ngabo abasebenzisa iinkonzo zalo ndawo. Unokucelwa ukuba unikezele ngezinye iikcukacha. Ukuba ngaba ufuna inkcazelo eyenye, ungaqhagamshelana no:PO Box 2060, Cape Town, 8000 Tel: 021 483 3303 Fax: 021 483 6155 |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uMatshi 2004