| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
ULawulo oluHlanganyelweyo lweziGulo zaBantwana lusekwe liCandelo lezeMpilo yaBantwana noPhuhliso, loMbutho wezeMpilo kaZwelonke kunye neUNICEF. Le Nkonzo ithe yaziswa kumazwe angaphezulu kwama-30 kulo lonke eli limiweyo ukujongana nokugula kwanokufa kwabantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu. Obu buchule bugxile kumntwana ephelele, andaweni yokuqwalasela isifo esinye okanye imeko enye. Abantwana abagulayo bakholisa ukufika kumaziko oncedo lwezempilo benezigulo ezininzi baze kufuneke bajongwe ngokuhlanganyelwa phakathi kwekhaya nekliniki. Bamalunga ne-12 lezigidi abantwana kumazwe akhulayo abasweleka phambi kokuba bafike kwiminyaka emihlanu minyaka le, uninzi lwabo basweleka kunyaka wabo wokuqala bezelwe. Isixhenxe eshumini kwabo baswelekayo babulawa zizifo ezihlanu ezingundoqo: izifo ezihlasela zosulele ngokuphefumla (ikakhulu isifo sokukrala kwemiphunga), utyatyazo, irhashalala, ukungondleki, nesifo necesina ebangwa kukulunywa ziingcongconi ezineentsholongwane zesi sifo (nefumaneka kuphela kwaZulu/Natal, eMpumalanga naseLimpopo.) Izikhokhelo zeSebe lezeMpilo leNtshona Kapa ziveziwe ukuzalisa uluhlu loMbutho wezeMpilo kaZwelonke kwanokulutshintsha ukuze ludibanise iimeko eziphambili ezichaphazela abantwana ingakumbi kwiNtshona Kapa. Ezi zigulo zithi zonganyelwe ukususela ngethuba leveki enye umntwana ezelwe ukuya kutsho kwiminyaka emihlanu.
|
IMIYALELO: |
Ukuba undwendwela okokuqala kwiziko lezeMpilo, kuza kufuneka ugcwalise ifomu ze uvulelwe uqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza neNcwadana yakho yesazisi, nalo naliphi iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye lasesibhedlele, ukuba wawubhalisile ngaphambili kwiziko loncedo. Yiza neTshati yomntwana ebizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingise eMpilweni.Amaziko okubelekisa okanye iikliniki zoncedo lwezonyango kunye namaziko, zithi zinikezele ngolawulo oluhlanganyelweyo lwezigulo zabantwana. Ukuba ngaba uye wena okanye umntwana wakho wathunyelwa kumgca ongentla, uya kuthunyelwa kwisibhedlele sengingqi esisedolophini okanye elalini, okanye kwisibhedlele somgangatho ophezulu. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
IXABISO: |
Iinkonzo azihlawulelwa kumaziko onyango lwezempilo. |