Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
iZiko Lonxibelelwano Olukhawulezileyo Noluntu lweSixeko saseKapa
INKCAZELO:
iSixeko saseKapa sinikezela ngenombolo enye yeenkonzo ezingxamisekileyo engahlawulelwayo kubantu abahlala kule ngingqi.

Xa utsalela le nombolo nakowuphi na umnxeba wendlu, eli ziko lonxibelelwano olukhawulezileyo liya kuba nakho ukubona:

  • ukuba utsala umnxeba uphi na wena
  • ukuba ithini na inombolo yakho yomnxeba
  • ukuba ngubani na umnini-mnxeba owusebenzisayo
  • ukuba ukweyiphi na ingingqi yokunikezelwa kweenkonzo.

Umntu ophendula loo mnxeba wakho uya kuba nakho ukwazi ingxingwa okuyo ze ke athumele umnxeba lowo, ndawonye ke neenkcukacha athe wazihlanganisa, kwicandelo elifanelekileyo leenkonzo zamapolisa, ezokucinywa kwemililo nezezithuthi zezigulana.

Iziko elinikezela loo nkonzo uyidingayo liya kuyazi ngqo ingxingwa okuyo ze ke lithumele uncedo olufanelekileyo.
IMIYALELO:
Abahlali beSixeko saseKapa bangatsalela le nombolo 107 xa bekwimeko edinga uncedo olungxamisekileyo besebenzisa umnxeba wendlu okanye le 021 480 7700 xa besebenzisa umnxeba wesinqe.Xa usenza lo mnxeba ke:
  • Kulungele ukunikezela iinkcukacha ngale ngxingwa.
  • Phola.
  • Musa ukuwubeka phantsi umnxeba de kutshiwo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isixeko saseKapa
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uMeyi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo