Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/UGAWULAYO
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
ATICC Resource Library (ifumaneka ngesiNgesi kuphela okanye ngesiBhulu)
The ATICC Resource Library is open to the public and has information on all aspects of HIV/AIDS/STIs and TB. The Library consists of a comprehensive collection of videos, periodicals, articles, training manuals, research papers, reports, directories, pamphlets, newspaper cuttings and flipcharts. It is a reference ...  > 
Resources provided by ATICC (ifumaneka ngesiNgesi kuphela okanye ngesiBhulu)
ATICC supplies condoms, pamphlets, booklets and posters to the public. The items are free and sunject to change and availability ...  > 
Ukunyangwa kokosulelwa zizifo ezinamathuba athile
Lukhona unyango lwezifo ezinamathuba athile, kwaye ziyanyangeka, azifani neNtsholongwane kaGawulayo. Ezo zifo zidibanisa urhudo, isifo sephepha, ukungenwa yingqele ngaphakathi nekhandida enokufunyanwa lula ngumntu onesifo seNtsholongwane kuba amajoni akhe okulwa nezifo akomelelanga. Lukhona unyango lokosulelwa zizifo ezinamathuba athile kubantu abaneNtsholongwane kaGawulayo/Gawulayo nabangenaye. Kufuneka baye ekliniki, abantu ...  > 
Ukuthintelwa Kokosulelwa Kosana Ngunina
Ukosulelwa kosana ngunina kwenzeka xa intsholongwane kaGawulayo, intsholongwane ebangela uGawulayo, ithe yadluliselwa ukusuka kumama isiya kusana olungekazalwa ngethuba lokukhulelwa, ngethuba lokubeleka okanye ngethuba lokuncancisa.  > 
Ukuziyela Kuvavanyo ze Ufumane Neengcebiso
Umntu ofuna ukuzazi ukuba wosulelwe na yiNtsholongwane kaGawulayo angaya ekliniki okanye nakweliphi na uncedo lwempilo lukawonke-wonke lokuya kuzifunela uvavanyo neengcebiso. Umntu uyazithabathela isigqibo sokuya kuvavanyo - akukho mntu unokunyanzeliswa ukuba aye kwenza uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo.Amanyathelo angundoqo ekufuneka ethatyathiwe kukufumana iingcebiso ngaphambi kolu vavanyo, uvavanyo buqu ...  > 
Unyango ngamachiza okwandisa ixesha lokuphila kwabaneNtsholongwane kaGawulayo/Gawulayo
Amachiza okwandisa ixesha lokuphila kwabaneNtsholongwane kaGawulayo/Gawulayo ngamayeza asetyenziswa ekunyangeni abantu abosuleleke yintsholongwane kaGawulayo (ebangela ukudodobala kwamajoni omzimba).  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uDisemba 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo