|
Umntu ofuna ukuzazi ukuba wosulelwe na yiNtsholongwane kaGawulayo angaya ekliniki okanye nakweliphi na uncedo lwempilo lukawonke-wonke lokuya kuzifunela uvavanyo neengcebiso. Umntu uyazithabathela isigqibo sokuya kuvavanyo - akukho mntu unokunyanzeliswa ukuba aye kwenza uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo.Amanyathelo angundoqo ekufuneka ethatyathiwe kukufumana iingcebiso ngaphambi kolu vavanyo, uvavanyo buqu kwaneengcebiso ezinikezelwa emva kwalo. UKUFUMANA IINGCEBISO NGAPHAMBI KOVAVANYO Apha e-ATIIC iingcebiso kuqala lunikezelwe iingcebiso ngaphambi kovavanyo olo lwentsholongwane kaGawulayo yingcali yempilo yengqondo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba umntu lowo ufumana ingcaciso eyaneleyo ukuze enze isigqibo spkuba alwenze na olo vavanyo okanye hayi. Incoko ke ke yenziwayo bucala yaye iyimfihlelo, futhi ke iqulethe ulwazi ngentsholongwane kaGawulayo/ngoGawulayo kwanovavanyo olo. Emva kokufumana ezo ngcebiso ngaphambi kovavanyo umntu lowo angazithabathela isigqibo sokuba aqhubekeke na nolo vavanyo okanye hayi. Umntu ke kufuneka anikezele imvume yokwenziwa kovavanyo ngokuthi agcwalise ze atyikitye iphetshana eligunyazisa oko. Umntu unakho nokunikezela ngelungelo lakhe lokutyikitya eli phetshana lemvume komnye umntu. Umzekelo, umzali okanye ummeli womntwana ongaphantsi kweminyaka eli-14 angavuma ukuba umntwana lowo angaluthatha uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo. Abantwana ke abangaphezu kweminyaka eli-14 abavumileyo ukuthatha uvavanyo kufuneka bazinikwe iziphumo zeemvavanyo zabo. Olu lwazi ke alunakudluliselwa kubazali baba bantwana ngaphandle kwemvume yabo. UVAVANYO Akuvumelekanga ukuvavanya abasebenzi kwindawo yabo yempangelo ngaphandle kokuba loo nto ivunywa yiNkundla Yabasebenzi, ngokuthobela iSahluko 7(2) somthetho i-Employment Equity, wama-55 ka-1998. Uvavanyo lweNtsholongwane kaGawulayo luvavanyo oluchanekileyo lenzululwazi olubonisayo ukuba umntu wosulelwe yile Ntsholongwane okanye hayi kwaye lusoloko lusenziwa kwigazi lomntu. Amaziko amaninzi ovavanyo asebenzisa Indlela Ekhawulezileyo Yokuvavanya, nto leyo ke ithetha ukuba umntu uthi azifumane iziphumo zakhe kwimizuzu nje engamashumi amabini. UKUFUMANA IINGCEBISO EMVA KOVAVANYO Ingxelo ekhawulezileyo yovavanyo inikwa umntu ngexesha lokufumana iingcebiso emva kovavanyo olo. Kwaneli ke ityeli lovavanyo neengcebiso likwayimfihlelo eyaziwa ngumvavanywa nomvavanyi kuphela yaye neziphumo zaziwa nguye kuphela, kuba kungekho mthethweni into yokunika umntu ingxelo zakhe nokuba unayo nokuba akanayo ungayifumenanga imvume yalo mntu, ubegqiba kwenza olo vavanyo. Ukuba umntu akachatshazelwanga yile ntsholongwane uza kucetyiswa ngengozi zokwabelana ngesondlo ezikhuselekileyo aphinde afundiswe nangokusebenzisa ntsilathi. Xa umntu kufumaniseke ukuba unayo, uza kucetyiswa ngendlela amakazamkele ngayo ezi ndaba, anikwe nengcaciso ngokwabelana ngesondo okukhuselekilyo nangokutya okunika impilo ekufuneka ekutyile. Umntu anganikwa iingcebiso eziqhubekekayo okanye athunyelwe kwiqela lenkxaso okanye kumbutho. Umama ekufumaniseke ukuba unayo uza kuthunyelwa ukuba azimanye neNkqubo Yokuthintela Ukosuleleka Kosana. Abacebisi kwiphondo baqeqeshwa liZiko loqeqesho likaGawulayo Nelengcaciso.(ATICC) elisePlumstead, eKapa. Ngamavolontiya odwa asebenza Kwimibutho engekho phantsi kukaRhulumente anokuthi acele ukuqeqeshwa. Xa unento ongayiqondiyo malunga neNtsholongwane kaGawulayo kunye noGawulayo ungafowunela le nombolo yamahala Yoncedo esebenza iiyure ezingama-24 engu- 0800 012 322. Ezi ke ziindawo ezibalulekileyo ongadibana nazo:
- i-Aids Training, Information and Counselling Centre(iATICC): 021 797 3327; inombolo yomnxeba: 021 763 5320/1//2/3, eyefeksi 797 3356
- iNational Association of People Living with HIV/Aids (iNapwa): 021 424 1106
- iTreatment Action Campaign (iTAC) Inombolo Yomnxeba: 021 788 3507; eyefeksi 021 788 3726
- i-Aids Law Project (iALP) 011 356 4100, eyefeksi 011 339 4311
- iSouth African Human Rights Commission (iSAHRC) :inombolo yomnxeba 011 484 8300; eyefeksi 011 643 6472
|