Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko.
INKCAZELO:
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, okanye iFAS (ngamafutshane kwisiNgesi) lolona hlobo luqhelekileyo nolunokuthintelwa lobulwelwe ngenqondo ehlabathini, kodwa nangona kunjalo, yeyona ngxaki yezempilo uluntu lweNtshona Kapa olujongene nayo.

iFAS icacisa abantwana abazizidalwa ngokukhula nabanezinto ezingaqhelekanga emzimbeni nakwimithambo-luvo ngenxa yokuxhayelwa kwabo etywaleni ngethuba oonina bebathwele eziswini ngexesha bekhulelwe. Utywala bungabangela ubungozi obungenakuguqulwa kusana olungekazalwa.

UKUZIKHUSELA KWISIFO ESIHLASELA IINTSANA EZINGEKAZALWA

Olu ncedo lumbolo-mbini. Okokuqala, lujolise ekuthinteleni i-FAS ngokufundisa, ukwazisa nokucebisa oomama malunga nobungozi bokusela utywala ngethuba bekhulelwe.

UNYANGO

Okwesibini, lujolise ekuxilongeni nasekunyangeni abantwana abachaphazelekileyo. Ngaphandle kwezinto ezingaqhelekanga ngokwasemzimbeni, abantwana abane-FAS basenokuba nengxaki yemithambo-luvo, indlela yokuziphatha nokufunda. Kukho iinkqubo ezisekwayo ukuchonga nokuncedisa oomama abasebungozini nokuxilonga abantwana abane-FAS kwangethuba. Nangona uninzi lwaba bantwana befumana iingxaki ekufundeni, kusekwa iinkqubo zovuselelo nolawulo ukuncedisana nabazali kunye nabagcini babantwana. Ukuba umzali okanye umgcini womntwana okanye utitshala unenkxalabo ngomntwana othile, umntwana lowo angasiwa kwikliniki ekufutshane, apho aza kuthathwa khona athunyelwe kolona ncedo lufanelekileyo ukuya kwenziwa khona olunye uvavanyo.

IIMPAWU ZOMNGCIPHEKO

Iimpawu zobungozi ezayanyaniswa ne-FAS ziquka ezi zilandelayo:
  • Nabuphi na utywala obuselwe ngumama okhulelweyo. Akukhuselekanga ukusebenzisa utywala ngethuba umama ekhulelwe!
  • Ixesha lokusela utywala ngethuba lokukhulelwa.
  • Ezinye izinto ezingasetyenziswa ngandlela.
  • Okona umama okhulelwayo esiba mdala, okona usana olungekazalwa lusiba sengozini.
  • Iziphumo zotywala ekukhuleni kosana olungekazalwa ziba zibi ngakumbi kumaxesha alandelayo okukhulelwa, ukuba umama usaqhubeka nokusela utywala.
  • Izinto ezibalulekileyo zemvelo: kukho izinto zemvelo zendlela adalwe ngayo umama okanye nosana olo lungekazalwa, nezinokubakhusela okanye zibenze babe nokwenzaliswa ziziphumo zotywala
  • Izinga lempilo nelokondleka kukamama.
  • Indlala.
  • Izinga eliphantsi lemfundo ngobunina
  • Ukuba kukho iqabane eliselayo.
IMIYALELO:
UNGAYIFUMANA NJANI LE NKONZO

Ungalufumana olu ncedo kwikliniki yoncedo lwezempilo, kwiikliniki ezinceda oomama ngolwazi lwaphambi kokubeleka okanye kwizibhedlele eziphezulu ukuba udluliselwe kumgca ongentla.

Ukuba uya okokuqala kwiziko lezempilo, uya kucelwa ukuba ugcwalise ifomu uze uvulelwe neqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo kunye nekhadi lasekliniki okanye lasesibhedlele, ukuba wawusele ubhalisile kwelo ziko. Yiza neTshathi yomntwana ebizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingisa eMpilweni. Ukuba uxhalabile yindlela obusela ngayo utywala, okanye kukho imibuzo ofuna ukuyibuza kumsebenzi wezempilo, nceda ukwenze oko.

IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO EZINOKUBA LULUTHO

Imibutho yabucala eyahlukeneyo ingakunceda ngeempawu ezalatha into ebangelwa butywala kusana olungekazalwa:

Umbutho Inombolo Yomnxeba Inombolo Yefeksi Iwebsite
Alcoholics Anonymous 021 510 2288 088 021 510 2288 http://www.cape.org.za/
Al-Anon 021 592 3970 021 591 3962 www.alanon.org.za
Narcotics Anonymous SA 0881 30 03 27   www.na.org.za
SANCA 011 781 6410 011 781 6420 www.sancanational.org.za
Foundation for Alcohol Related Research 021 406 6210 021 447 7943  
DOPSTOP 021 883 8780
   
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, okanye i-FAS (ngamafutshane kwisiNgesi) lolona hlobo luqhelekileyo nolunokuthintelwa lobulwelwe ngenqondo ehlabathini, kodwa nangona kunjalo, yeyona ngxaki yezempilo uluntu lweNtshona Kapa olujongene nayo.

iFAS icacisa abantwana abazizidalwa ngokukhula nabanezinto ezingaqhelekanga emzimbeni nakwimithambo-luvo ngenxa yokuxhayelwa kwabo etywaleni ngethuba oonina bebathwele eziswini ngexesha bekhulelwe. Utywala bungabangela ubungozi obungenakuguqulwa kusana olungekazalwa.

Olu ncedo lumbolo-mbini. Okokuqala, lujolise ekuthinteleni iFAS ngokufundisa, ukwazisa nokucebisa oomama malunga nobungozi bokusela utywala ngethuba bekhulelwe.

Okwesibini, lujolise ekuxilongeni nasekunyangeni abantwana abachaphazelekileyo. Ngaphandle kwezinto ezingaqhelekanga ngokwasemzimbeni, abantwana abaneFAS basenokuba nengxaki yemithambo-luvo, indlela yokuziphatha nokufunda. Kukho iinkqubo ezisekwayo ukuchonga nokuncedisa oomama abasebungozini nokuxilonga abantwana abaneFAS kwangethuba. Nangona uninzi lwaba bantwana befumana iingxaki ekufundeni, kusekwa iinkqubo zovuselelo nolawulo ukuncedisana nabazali kunye nabagcini babantwana. Ukuba umzali okanye umgcini womntwana okanye utitshala unenkxalabo ngomntwana othile, umntwana lowo angasiwa kwikliniki ekufutshane, apho aza kuthathwa khona athunyelwe kolona ncedo lufanelekileyo ukuya kwenziwa khona olunye uvavanyo.

Iimpawu zobungozi ezayanyaniswa neFAS ziquka ezi zilandelayo:
  • Nabuphi na utywala obuselwe ngumama okhulelweyo. Akukhuselekanga ukusebenzisa utywala ngethuba umama ekhulelwe!
  • Ixesha lokusela utywala ngethuba lokukhulelwa.
  • Ezinye izinto ezingasetyenziswa ngandlela.
  • Okona umama okhulelwayo esiba mdala, okona usana olungekazalwa lusiba sengozini.
  • Iziphumo zotywala ekukhuleni kosana olungekazalwa ziba zibi ngakumbi kumaxesha alandelayo okukhulelwa, ukuba umama usaqhubeka nokusela utywala.
  • Izinto ezibalulekileyo zemvelo: kukho izinto zemvelo zendlela adalwe ngayo umama okanye nosana olo lungekazalwa, nezinokubakhusela okanye zibenze babe nokwenzaliswa ziziphumo zotywala
  • Izinga lempilo nelokondleka kukamama.
  • Indlala.
  • Izinga eliphantsi lemfundo ngobunina
  • Ukuba kukho iqabane eliselayo.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 3 uOktobha 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo