Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Unonophelo Lwempilo Yaxa Sele Uyeke Ukuba Sexesheni Ngenxa Yobudala
INKCAZELO:
Abafazi abayeka ukuya exesheni ngaphambi kwexesha elililo (ngaphambi kobudala obungama- 45 eminyaka) okanye abakwixesha lokuyeka kwaye bahlangabezana neempawu ezibagungqisayo, banakho ukufumana uphononongo koogqirha bomama kwakunye nokuxilongwa. Uvavanyo lwencindi lungenziwa ukuze kubekho izigqibo zonyango. Oomama bangacela ingcebiso ukuze bakwazi ukugqiba ngeyona ndlela yonyango iphucukileyo.
IMIYALELO:
Ungatyelela indawo yonyango lokuqala esekuhlaleni, yaye ngokuxhomekeke kwingxaki leyo, usenokuthunyelwa kwicandelo leenkonzo zabasetyhini kummandla okanye kwisibhedlele somgangatho wesithathu (iGroote Schuur okanye iTygerberg) ukuyokwenza uxilongo lwencindi, uphando oluthe xhaxhe nonyango.Kuya kufuneka uthunyelwe ukuba utyelele kwizibhedlele zommandla okanye kwezikumgangatho wesithathu apho iinkonzo zabasetyhini zifumaneka khona. Ukuba ungumtyeleli okokuqala, kuya kufuneka ugcwalise ifomu yaye uxwebhu luya kuvulwa. Zisa incwadi yakho yesazisi kwakunye nekhadi lakho laseklinikhi/isibhedlele ukuba ubusele ubhalisiwe kakade kwindawo enjalo.
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Inkonzo kwiindawo zokuqala zonyango lwempilo zisimahla ukuba akunayo imedical aid. Ukuba uthunyelwe esibhedlele, kusengakhona iindleko ezikhoyo. Ixabiso liya kuxhomekeka kumvuzo wakho nakubungakanani babantu abaphantsi kwa
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uFebruwari 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo