| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Zikho iinkonzo zabantwana nabantu abakhulu abazizigulane ezilaliswayo nezingalaliswayo, nkonzo ezo zifumaneka ngamaxesha apho ezo zigulane zilufuna kakhulu unyango naxa kukho imfuneko yokuba zinyangelwe bucala ukudlula kumaziko onyango lokuqala. Unyango lwasezibhedlele lufumaneka ikakhulu kumacandelo afumaneka phaya kwiinqila ezisezidolophini kodwa loo maziko akwabonelela ngezonyango nezigulane ezikulo lonke eli phondo ngokwemimandla echongiweyo. Ezi zibhedlele zesayikhayatri zilandelayo zibonelela izigulane ezingabantu abakhulu ezilalisiweyo nezingalaliswanga ezibhedlele ngeenkonzo zonyango olulodwa.
Iinkonzo zephondo zokunyanga abantwana zifumaneka kula macandelo alandelayo:
Iinkonzo ezizodwa zabalalisiweyo nabangalaliswanga ezibhedlele nabanezifo ezithile zengqondo nazo ziyafumaneka kwicandelo labagula ngengqondo leDyunivesithi yaseKapa, eGroote Schuur, kwicandelo labagula ngengqondo kwiDyunivesithi yaseStellenbosch nakwisibhedlele saseTygerberg. Ukuba ufuna enye ingcaciso malunga nokufumana iinkonzo zasezibhedlele, nkonzo ezo zilungiselelwe abantu abakhulu nabantwana, kwezinye iinqila qhagamshelana nezi ndawo zilandelayo:
|
IMIYALELO: |
Izigulana kufuneka zithunyelwe ziinkonzo zonyango zezibhedlele zenqanaba lokuqala okanye ezenqanaba lesibini (ezeenqila). Igosa lezempilo leziko elithumela isigulane kufuneka liqale lizidibanise nesibhedlele eso ukuze amalungiselelo okulaliswa enziwe kwangaphambili. Iinkonzo ezizodwa zonyango lwabagula ngengqondo ezikwizibhedlele zenqanaba lesithathu, iRed Cross, Groote Schuur neTygerberg ziye zifune incwadi ekuthunyelwa ngayo isigulane eso okanye ziye zifune isicelo sokulaliswa esifumaneka kwiziko lenkonzo, ngaphambi kokuba isigulane sifumane inkonzo leyo. Okwangoku iinkonzo ezizodwa zifumaneka kuphela kwimetro kodwa imetro ibonelela ngeenkonzo kulo lonke eli phondo ngokwemimandla ethumela izigulane. Abaqalayo ukuya kwisibhedlele sabagula ngengqondo okanye kwisibhedlele senqanaba lesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise ifom, size isigulane eso sivulelwe ifayili. Yiza nencwadi-sazisi yakho. Xa usiya esibhedlele kuya kufuneka ukuba uze nencwadi ephuma kwikliniki ekuthumela apho esibhedlele. Isibhedlele siya kucela ukuba usinike isilipu sakho somvuzo sokugqibela/incwadana yorhafiso echaza ingeniso yakho (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wakha wabhaliswa kwisibhedlele eso. Uninzi lwezigulane luzilalisa ngokuzithandela ezibhedlele ukuze zifumane unyango lwasesibhedlele. NgokoMthetho okhoyo wezabaGula ngeNgqondo, xa isigulane sinengxaki yokugula ngengqondo kwaye sibe singafuni ukuya esibhedlele ukuya kuzixilongisela iimfuno zaso zokufumana unyango esibhedlele, naxa eso sigulane sinokuba nobungozi kuso ngokwaso okanye kwabanye abantu, kungafuneka mhlawumbe ukuba ibe zizalamane ezithumela loo mntu esibhedlele. Kwimeko enjalo izalamane kufuneka zifake isicelo sokuncediswa ngokufunyaniswa unyango lokuzithandela, sicelo eso sifanele ukufakwa kumantyi wesithili sabo. Imithetho emalunga nabagula ngengqondo kungoku nje iyahlaziywa kwaye kuya kwenziwa iinguqu kwindlela ekulaliswa ngazo izigulane ezibhedlele ukuze zifumane unyango ngokuzithandela xa uMthetho omtsha wezoNyango lwabaGula ngeNgqondo nemigaqo yawo ithe yabhengezwa ngokusesikweni. Isigulane sakukhululwa esibhedlele kungenziwa amalungiselelo okuba siphinde sixilongwe kwaye loo malungiselelo angenziwa nenesi ejongene nabagula ngengqondo nephaya kwikliniki ekufutshane nekhaya lesigulane eso, ukuze kuqinisekiswe unyango oluqhubekayo. Ukuba ufuna enye ingcaciso, zidibanise. nee-ofisi zenqila ze-Associated Psychiatric Hospitals (APH) Alexandra Hospital Lentegeur Hospital Iinkonzo Zabakhubazeke Engqondweni zaseLentegeur Isibhedlele iStikland Hospital Umnxeba: 021 440 3111 Ifeksi: 021 447 6041 UGqr Dr B Eick, uNtsumpa oMkhulu wezoNyango Magda Karelse, INtloko yezoKonga uGqr Shaun Baumann, INtloko Ebambeleyo Kwiinkonzo Zeeklinikhi |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |