| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Zikho iinkonzo zasekuhlaleni zonyango lokuqala nonyango lwasesibhedlele lwabantwana, abafikisayo ebuntwini nabantu abakhulu abaneengxaki zokusebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo. Abantu abaneengxaki zokusebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo bangafumana unyango kwiikliniki zonyango lokuqala zabagula ngengqondo. Ukukhutshwa kwetyhefu emizimbeni yezigulane ezigulela ngaphandle kungenziwa kumaziko enqanaba lokuqala, ukuba ikho imfuneko yoko. Abantu abaxhomekeke kwiziyobisi, ngokuxhomekeke kuhlobo lwesiyobisi nezinye izinto, banokuziva beneempawu ezingemnandi zokuyeka iziyobisi xa beyeka iziyobisi zabo. Ukukhutshwa kwetyhefu yindlela yezonyango yokungenelela nenceda ekunciphiseni uvakalelo ngokomzimba nangokomphefumlo, kanti nasekulawuleni iingxaki ezinokubangwa kukuyeka iziyobisi, ngaphambi kokuba umntu lowo aye kufumana olunye unyango nokubuyiselwa kwimo yesiqhelo. Xa ingxaki yomntu yokusebenzisa iziyobisi ifuna iinkonzo ezingcono nangaphezulu, kungafumaneka ezi nkonzo zilandelayo: Izibhedlele zeenqila (ezenqanaba lesibini) zibonelela abantu abaxhomekeke etywaleni nakwiziyobisi ngeenkonzo zokukhutshwa kotyhefeko emzimbeni ngaphambi kokuba balaliswe kumaziko onyango ukuze bafumane olunye unyango nokubuyiselwa kwimo yesiqhelo. Iziko i-De Nova Treatment Centre ese-Kraaifontein lifumana uncedo-mali olupheleleyo kwiSebe leeNkonzo zeNtlalo-ntle kwaye libonelela ngonyango lokuxhomekeka etywaleni nakwiziyobisi. Le nkonzo yeyabantu abangenamndla ngokwezimali kunye nabo bathunyelwa kuyo licandelo lezomthetho. Iinkonzo zabagula ngengqondo nasemphefumlweni zifumaneka ngamaxesha athile kwiingcali zabagula ngengqondo, ngcali ezo ziqeshwe liSebe lezeMpilo. Amanye amaziko onyango lwabasebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo naphantsi kweeNGOs abhalisiwe kwaye afunyaniswa isabsidi liSebe leeNkonzo zeNtlalo-ntle. Imbinana yamaziko abucala okunyanga abasebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo ineelayisenisi ezikhutshwe liSebe lezeMpilo ukuze ibonelele ngeenkqubo zonyango ndawonye neenkqubo zokukhupha utyefeko emzimbeni. Isibhedlele i-Stikland sibonelela izigulane ezilalisiweyo ngeenkonzo zokubuyiselwa kwimo yesiqhelo emva kokusebenzisa utywala ngokugqithisileyo. |
IMIYALELO: |
Iziko ngalinye lineendlela ezithile zokuthumela izigulane ezibhedlele kwaye ezo ndlela zingafumaneka ngokuthi umntu azidibanise neziko elo, wona maziko adweliswe kwi-ncwadi-salathisi yabagula ngengqondo. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |