| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Xa kuthethwa ngempilo yasemsebenzini kuthethwa ngempilo nokhuseleko lwabasebenzi. Injongo yeenkonzo ezijongene nempilo yasemsebenzini kukuphakamisa umgangatho wezempilo, ukhuseleko nokwaneliseka kwiindawo ekusetyenzwa kuzo nokukhuthaza ubukho babasebenzi abampilo intle, abakhutheleyo nabavelisa kangangoko. Nangona kunjalo, zikho iindawo ekusetyenzwa kuzo ezingakhuselekanga nezichaphazela impilo yabasebenzi. Iingcali zempilo yasemsebenzini (oogqirha/oonesi) kuwo wonke amaziko ezempilo ziqeqeshelwa ukubanako ukuchonga, ukufumanisa nokunyanga abasebenzi kwanokubabuyisela kwimi yabo yesiqhelo, basebenzi abo baphathwa zizifo ezingapheliyo, abonzakele ngenxa yeengozi ezenzeka emsebenzini okaye abathi babenokudibana nezinto ezinobungozi empilweni yabo.
UKUHLOLWA KWEENDWO ZOKUSEBENZELA Abahloli abaphuma kwiinkonzo zokuhlola zeSebe leSizwe Lemicimbi Yabasebenzi (khangela kwiinkonzo zabasebenzi) basoloko bezityelela imizi-mveliso kunye nezinye iindawo ekusetyenzwa kuzo. Baye baqinisekise ukuba iindawo ekusetyenzwa kuzo ziyahambelana nemimiselo yezempilo nokhuseleko njengoko ichazwe kuMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini, uMthetho wama-85 ka-1993, mthetho lowo uphantsi kweSebe Lemicimbi Yabasebenzi. Abahloli baye bacebise abaphathi nabanini ngeendlela zokuphucula iimeko ekusetyenzwa phantsi kwazo apho kukho imfuneko, kwaye bangawunyanzelisa umthetho wezemisebenzi ngokuthi bakhuphe izaziso, banqumamise iinkonzo kananjalo batshutshise abaphula umthetho. Amagosa ezempilo yendawo asebenza ngokoMthetho wezeMpilo, uMthetho wama-63 ka-1077, ahlola iindawo ezithile kuphela, ndawo ezo zifana neerestoranti, izikhululo zeenqwelo-moya namazibuko, ukuqinisekisa ukuthobela kwawo imigaqo emiselweyo. INGABA IMPILO YAKHO ICHAPHAZELEKA KAKUBI NAKABUHLUNGU EMSEBENZINI? Nantsi eminye imibuzo onokuzibuza yona ukuba ukrokrela ukuchaphazeleka kwempilo yakho ziimeko zendawo osebenza kuyo:
IMBUYEKEZO YABASEBENZI Khumbula ukuba unakho ukufaka isicelo sembuyekezo ukuba wonzakele okanye ugule ngenxa yomsebenzi owenzayo. Imbuyekezo ilawulwa liSebe Lemicimbi Yabasebenzi, kungelilo Sebe Lezempilo. Unakho ukufumana imbuyekezo ngazo zonke iindleko zonyango ezifanelekileyo. |
IMIYALELO: |
UKUNIKEZELA INGXELO NGEZIGULO NANGOKWENZAKALA Ukuba uguliswa kukuchaphazeleka okanye zizenzo zasemsebenzini, okanye kukonzakalela emsebenzini, oko kufuneka ukwazise umqeshi wakho, yena ekufuneka ngokomthetho akuthumele kwiziko lezempilo ukuze uye kuxilongwa unyangwe. Amagosa onyango lokuqala angakuthumela kwiziko lenqanaba lesibini okanye kwiziko lenqanaba lesithathu ngokuxhomekeke kubunzima bento ogula yiyo okanye bomonzakalo onawo.Ikliniki i-Reed Street eBellville, kwiSixeko saseKapa, isebenzana nabantu abanezifo ezingenxa yeengxaki zasemsebenzini. Ivulwa kanye ngeveki kwaye amalungiselelo okuya kuyo kufuneka uwenze kwangaphambili. Inombolo yayo yomnxeba ithi: 021 946 3790. Kubalulekile ukuba uchazele unesi ngento ekuchaphazeleyo okanye eyakuchaphazelayo emsebenzini osebenza kuwo okanye owawusebenza kuwo ngaphambili. Oko kungabandakanya: ingxolo, uthuli, iasbhestosi, irhasi, umsi kunye neentshukumo zoomatshini, ndawonye noxinzelelo olungaqhelekanga. I-Reed Street Clinic iyanxibelelelana neekliniki zephondo zenqanaba lokuqala, oogqirha babucala nabaqeshi, iimanyano zabasebenzi, iSebe Lemicimbi Yabasebenzi, amagosa empilo yendalo engqongileyo nezibhedlele iTygerberg neGroote Schuur. Ngokuxhomekeka kubuzaza besifo okanye umonzakalo lowo, unakho ukuthunyelwa eGroote Schuur kwiziko i-Groote Schuur Work Health Occupational Diseases Clinic. Abasebenzi banokuthunyelwa nakwiziko lase-Groote Schuur, iZiko iWork Rehabilitation and Assessment laseGroote Schuur, apho baya kuxilongwa babuyiselwe kwimo yabo yesiqhelo kangangokuba babe nako nokubuyela emsebenzi. Xa kungenjalo, igqiza leengcali zempilo, kubandakanywa iingcali zeengxaki zomzimba, ezomsebenzi zinako ukucebisa ukuba lowo ugulayo anikwe msebenzi wumbi okanye ayekiswe emsebenzini. UKUFAKA ISICELO SEMBUYEKEZO Umqeshi nengcali yezempilo ejongene nawe kufuneka bagcwalise ifom ngokwemimiselo yomthetho wembuyekezo efunyanwa ngenxa yokonzakalela emsebenzini nomthetho wezifo ohlonyelweyo (Compensation for Occupational Injuries and Diseases Amendment Act 130 of 1993). Kukho iindidi ezingama-28 zezifo ezamkelekileyo kuMkomishinara wezeMbuyekezo nezingenxa yeendawo zokusebenzela. ABANTU ABATYELELA OKOKUQALA Ukuba uyaqala ukuya kwelo ziko lezempilo, uya kucelwa ukuba ugcwalise iphetshana ngeenkcukacha zakho ze kwandulwe ukuvulwa uxwebhui. Yiza nencwadi-sazisi yakho, incwadi othunyelwa ngayo (ukuba iyafuneka), kunye nawo wonke amayeza owasebenzisayo). Ukuba uthunyelwe esibhedlele uya kufunwa iphetshana elichaza umvuzo wakho/ingxelo yengeniso (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wakha wabhaliswa kwisibhedlele eso. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |