Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
UNCEDO LOKUBUYISELA KWISIMO SESIQHELO
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
Amacebo Okunceda Izigulane
Le nkonzo ijolise ekuboneleleni, ekuyaleleni, ekulungiseni nasekusetyenzisweni kutsha kwezixhobo zokuncedisana nabagulayo, zixhobo ezo zifana nezitulo ezinamavili, izixhobo zokuhamba kunye nezixhobo zokuncedisana nabangevayo, abazifunayo ezo zixhobo.  > 
Iinkonzo zokufakela amalungu angozenzele (Prosthetic and Orthotic)
Intshona Koloni iyonke incedwa liziko elinye lofakelo lwamalungu anguzenzele (Prosthetic and Orthetic Centre) neliphaya ePinelands kwiSixeko saseKapa.  > 
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo
Abantu abakhulu nabantwana abakhubazeke ngokomzimba, bangancediswa ukuba bahlale bekwimo yomzimba, yovakalelo, yobukrelekrele, yengqondo nezentlalo entle nesemgangathweni.  > 
Iinkonzo Zokuva Nokuthetha
Uninzi lweengxaki zokukhubazeka, kubandakanywa iingxaki zokuthetha nokuva zibonakala xa iintsana nabaqingqayo behlolwa njalo ngexesha lokukhula kwabo kwiikliniki zonyango. Ukuba ikho imfuneko umntwana lowo uya kuthunyelwa kwikliniki esebenza ngeengxaki ezizodwa. Kwangaxeshanye umntwana lowo uya kuthunyelwa kwingcisa lezokubuyisela kwimo yesiqhelo umz. igcali yezifo zasemsebenzini, kwinqanaba lokuqala lonyango ...  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uMatshi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo