Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukukhutshwa Kwesisu
INKCAZELO:
Abantu basetyhini abangafuni kuqhubekeka nokukhulelwa kwabo banokukhetha ukukuphelisa oko kukhulelwa. Ukuqhomfa ungakhange uhlawule nesenti kuyafumaneka kwezinye iikliniki zoMbuso.

NGUBANI ONOKUSIKHUPHA ISISU SAKHE?

Nawaphi na amabhinqa (nakobuphi na ubudala ) anakho ukufumana uqhomfo olusemthethweni lomitho ulungafunekiyo ngokumayela noMthetho wokuziKhethela ukuQhomfa (Act 92 of 1996). Ingcebiso ngaphambi nasemva yokupheliswa komitho engamiselwanga ifanelwe inikezelwe. Ukuvuma komzali okanye iqabane alufuneki nganto. Abafazi bacetyiswa ukuba baqhomfe ngokukhuselekileyo nangokusemthethweni kunokuya koko kwasemva kocangongo kunokuba nobungozi kwimpilo nakubomi babo. Kwakhona kufuneka ubonane noCwangciso-Nzala (Family Planning) uthintelo olungxamisekileyo.

INDAWO ONOKUFUMANA KUYO UNCEDO

Ukufumana ukhupho sisu olusisimahla, isicelo sokukhupha isisu kufuneka senziwe kwiklinikhi yakho yezempilo, apho ukumitha kwakho kuya kuqinisekiswa khona, ingcebiso inikezelwe, kuvunyelwane ngosuku olulandelayo lwendibano, kunye nencwadi yokudluliselwa inikezelwe kwindawo apho le nkqubo iya kwenziwa khona. Ayingabo bonke abasebenzi bezempilo abakuthakazelelayo ukusebenzisana nale nkonzo, kodwa bayanyanzeliswa ngumthetho ukuba mabamazise umxhamli wale nkonzo ngamalungelo akhe baze bamdlulisele umxhamli lowo kumsebenzi wezeMpilo okanye indawo apho anakho ukufumana khona le nkonzo.

Le nkonzo isengafikeleleka nangokudibana nogqirha kodwa intlawulo yokubonana nogqirha iyafuneka. IiKlinikhi zakwaMarie Stopes kwakunye nezibhedlele zabucala nazo ziyayinikezela le nkonzo ngentlawulo.

Nayiphi na intombazana okanye umfazi unakho ukubuza ngokhupho-sisu kwiinyanga nje ezintathu zokuqala (iiveki ezili-12) zomitho. Kubalulekile ukushukuma ngokukhawuleza ukuba kukho umitho olungafunekiyo nolukrokrelekayo.

Ukuba uneenyanga ezintathu ukuya kwezintlanu ( iiveki ezili-13 ukuya kwezili-20) umithi, eminye imimiselo eyahlukileyo iya kusetyenziswa yiTOP. UGqirha, ngesi sihlandlo, uya kusikhupha isisu kuphela xa:


  • Kukho umngcipheko kwimpilo yomzimba nengqondo yomfazi okanye usana olungekazalwa lukhula esibelekweni.

  • Ukufumana umntwana kuya kubangela iingxaki zentlalo nezoqoqosho kulo mama.

  • Umfazi emithe ngenxa yokudlwengulwa okanye ngenxa yombulo.

Le nkonzo, noxa kunjalo, iyacelwa kwiKlinikhi yakho yezeMpilo.

La maqela abucala nawo anakho ukukunceda.

IMIYALELO:
UNGAYIFUMANA NJANI LE NKONZO?
Ukuba uyaqala ukuba ngumhambeli kwindawo yezempilo uya kucelwa ukuba ugcwalise iphetshana lesicelo yaye uxwebhu oluneenkcukacha zakho luya kuvulwa. Yiza nencwadi yesazisi yakho, incwadi yokuthunyelwa kwakho (ukuba kuyaqondakala), naluphi na uhlobo lwamayeza owasebenzisayo kwakunye nekhadi lakho lasesibhedlele/klinikhi, ukuba ububhalisile kwezo ndawo kwilixa elidlulileyo.Kufuneka utyikitye iphetshana lesicelo yokwaziswa evunyiweyo enikezela ngemvume yokuqhomfa. Abasebenzi bezeMpilo abangathandiyo ukwenza le nkonzo ngaphantsi kwesizathu esithile kufuneka bakudlulisele kwiqabane labo elivumayo ukukwenza oko okanye kweyona ndawo ingundoqo yommandla kunye nencwadi yokukudlulisa kwakunye nobhaliso osele lwenziwe.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Upheliso-mitho lusimahla kwiindawo zempilo nonyango yaye xa udluliselwe ngokomgca onguwo. Iinkonzo zeenqwelo zezigulana zisimahla nazo kubafazi abenze uqhomfo.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMeyi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo