Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Inkqubo yokungachumi
INKCAZELO:
Inkonzo izama ukunceda omama notata abangafumani bantwana ukuba bakhawule babe nzima. Ingcebiso nolwazi luyanikezelwa mayela neendlela ezahluka-hlukeneyo zonyango ezikhoyo. Imbali yala maqabane iyathatyathwa zize neemvavanyo zenziwe. Kuxhomekeke kwiziphumo, unyango lochumiso luyanikezelwa okanye kucetyiswe ngokuchasene nalo.
IMIYALELO:
Akukho nkonzo zakuchumisa kumgangatho weendawo zonyango lwempilo zokuqala kodwa kumgangatho wesithathu wezibhedlele ezinjengeTygerberg kunye neGroote Schuur zinikezela ngophando olwandisiweyo kwakunye nonyango.Ukudluliselwa phambili kwisibhedlele somgangatho wesithathu kuyimfuneko apho unyango olwahluka-hlukeneyo lochumiso lunikezelwa khona. Ukuba ungumtyeleli wesihlandlo sokuqala kuya kufuneka uzalise ifomu yaye noxwebhu luya kuvulwa. Thabatha incwadi yakho yesazisi kunye nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba ubusele ubhalisile esibhedlele.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Kukho indleko ekhoyo. Ixabiso liya kuxhomekeka kumvuzo waba babini kwakunye nenani labantu abaxhomekeke kubo, ngokomlinganiselo wamaxabiso esibhedlele. Abo bathatha inxaxheba kwinkqubo kufuneka bahlawulele unyango olubalelwa phakathi kwe- R150 kunye na
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 15 uDisemba 2003
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo