| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ucwangciso-ntsapho Nokuzikhusela Impilo yokuzala iluxanduva ekwabelwana ngalo sisibibi esithandanayo. Ngoko ke, amadoda anendima ebalulekileyo ekufuneka eyidlalile yaye kufuneka enze okulindelekileyo ngoxanduva lwawo lokuthintela ukukhulelwa nokusebenzisa iintsilathi ekuthinteleni ukukhulelwa okungacwangciswanga kwanokusasazeka Kwezifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo, kuquka nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo. Amadoda namanina kufuneka ahlale phantsi namaqabane awo malunga neengcinga zokuthintela ukukhulelwa ze izibini ezo zincokole nangendlela eyamkeleke kubo bobabini yokwenza oko, nokuba ngubani na ekufuneka engoyena uyisebenzisayo le ndlela. Umzekelo, inkqubo yokwenza amadoda angaphindi afumane bantwana yinkqubo elula kakhulu ukuba angayenza amadoda. Ukwaluswa kwamakhwenkwe Ngenxa yezi ngxelo zigcwele izwe lonke zamadodana athi asutywe kukufa ngenxa yokwaluswa ngendlela engakhuselekanga, la madodana kungoku nje angakhe ukugonywa simahla kwiiklinikhi zenqanaba lokuqala lonyango ukuqinisekisa ukuba basempilweni phambi kokuba baye kwiiindawo zesiko lokwaluka. Kanti la maziko ononophelo lwempilo kwinqanaba lokuqala akwanayo nenkqubo ekhuselekileyo nesempilweni yokwalusa. Le nkqubo ingenziwa kwiintsana ezingamakhwenkwana emva nje kokuzalwa kumaziko ononophelo lwempilo ohlukeneyo. |
IMIYALELO: |
Kufuneka uye kwiklinikhi ekufutshane nawe yononophelo lwempilo kwinqanaba lokuqala. Abantu abawatyelela okokuqala la maziko/ezi zibhedlele zononophelo lwempilo kwinqanaba lokuqala kuya kufuneka bagcwalise iphetshana yokuba ngamalungu yaye baya kuvulelwa uxwebhu. Yiza nencwadana yakho yesazisi nekhadi lakho laseklinikhi/lasesibhedlele ukuba wawukhe wabhalisa kuloo kwelo ziko. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
IXABISO: |
Inkonzo zeendawo zokuqala zogonyo lwempilo zisisimahla kubantu bonke abangekho ngaphantsi koncedo lukagqirha. Ukuba uthunyelwe esibhedlele, kungakho iindleko ezikhoyo. Ixabiso liya kuxhomekeka kumvuzo wakho nakubungakanani babantu abaphantsi kwakho, ng |