Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Amalungelo Obunini: Ubungqina Bokuba Ngumnini-mhlaba
INKCAZELO:
Xa uthenga umhlaba, kufuneka ufumane ubungqina boko ngokuthi loo mhlaba ubhaliswe egameni lakho. Eli lungelo lobunini ke libubungqina bokuba ngokwenene unguye umnini walo mhlaba. Uya kudinga uncedo lwegqwetha kwimicimbi yempahla nemihlaba ukuze likuncedise kwinkqubo yokudluliselwa kwalo mhlaba egameni lakho.

Uya kuba ngumnini walo mhlaba kuphela xa uMphathi wala magunya etyikitya oku kudluliselwa kwamalungelo obunini.

Ikopi yesi siqinisekiso sobunini sigcinwa kwi-Ofisi Yamagunya Obunini. Nabani na ke angakwazi ukujonga ukuba ngubani na umnini womhlaba othile ngokuthi aqhagamshelane nale Ofisi Yamagunya Obunini.
IMIYALELO:
Ungaqhagamshelana noMphathi Wamagunya Obunini kule dilesi
Private Bag X9073, eKapa, 8000
Kwisakhiwo iNew Revenue, kwa-90 kwiSitalato iPlein, eKapa, 8001
Inombolo Yomnxeba: 021 464 7600
Inombolo Yefeksi: 021 464 7725
Umntu Onokuqhagamshelana naye: uNkskz Bell
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yemihlaba (The Government of South Africa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJanuwari 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo