Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
IINKXASO-MALI & NONCEDO LOKUTHENGA NOKUZAKHELA IZINDLU
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
Claiming Land Restitution (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
The South African constitution gave people and communities who had been dispossessed of land after 19 June 1913 as a result of racially discriminatory laws or practices the right to restitution of that property or to fair compensation.  > 
Iinguqu Kwiinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu Kubantu Abakhubazekileyo
Abaxhamli abangena phantsi kwesi sigaba nabamkela umvuzo ongekho ngaphezu kwama-R3 500baya kuba selungelweni lokufumana imali-mboleko yezindlu elingana nexabisolemveliso elingama-R36 528 kwaye baya balindeleke ukuba bancedise. Olu lungiselelo sele lukho ngokumayela nesi sigaba luhlala lusebenza.Olo lungiselelo lumi ngale ndlela ilandelayo: Abaxhamli abakwisigaba sabantu abadala Abaxhamli abangamadoda abafikelele kwimanyaka ...  > 
Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo
Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo ziyilelwe abaxhamli abasele benomhlaba osele uxhaswa ngezimali yaye olungiselelwe ukusetyenziswa ngokufakelwa izibonelelo.  > 
Iinkxaso-mali Zokuthenga Nokwakha Izindlu Ezayanyaniswe Namaphulo
Iinkxaso-mali zokuthenga nokwakha izindlu zivuleleke kumashishini akushishino lophuhliso lomhlaba ukuwakhuthaza angene kumaphulo aqinisekisiweyo kwanokuze athengise imihlaba yokwakha iindawo zokuhlala ezenzelwe abo bantu bamelanayo neemfuno zokuzifumana. Ezi nkxaso-mali ke ngoko zenzelwe ukuba kuzuze abo bantu bamele ukuzifumana kuphela.  > 
Iinkxaso-mali Zomhlaba
Amasebe esizwe amabini, Elemicimbi Yemihlaba Nelezindlu anikezela ngeenkxaso-mali nangoncedo-mali lokuthenga okanye ukuphuhlisa imihlaba nezindlu. Nawuphi na umzi unokufumana ukuya kuma kwishumi elinesithandathu lamawaka eerandi kuncedo-mali lokuthenga nokuphuhlisa izindlu. Ayiyomali-mboleko le futhi akudingeki ukuba iphinde ibuyiswe.  > 
INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu
ICandelo loLawulo loLwakhiwo-zindlu lunceda oomaspala, iingingqi kunye nabantu abathabatha inxaxheba ngolwazi kunye neengcebiso ngokubhekiselele kwiNkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu(PHP).  > 
INkxaso-mali Yokwakhelwa Komntu Ngamnye Indlu
Zimbini iindlela zenkxaso-mali ...  > 
Inkxaso-mali Yophuhliso Emaphandleni
Kwiingingqi zasemaphandleni, uninzi lwabantu alunamalungelo asemthethweni kwimihlaba yabo kodwa banalo ukhuseleko olusebenzayo lokusebenzisa umhlaba. Umzekelo, ilungelo lokusebenzisa umhlaba elinikezelwe ngokwemiqathango yemithetho kunye nezithethe zesizwe, isithethe, ukusetyenziswa okanye indlela yolawulo kwingingqi ethile okanye kuluntu okanye ngoncedo lokuhlala kumhlaba kaRhulumente kangangexesha elingaphantsi kweminyaka emihlanu. Ezi ndidi zamalungelo ...  > 
Institutional Subsidies (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
Institutional subsidies are given to organisations that agree to also pay towards a building project. The houses built then belong to the organisation, and not individual beneficiaries, for at least four years after completion.  > 
Relocation Assistance (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
Relocation Assistance is there for people who are eligible for a Housing Subsidy but are currently locked in home loans they cannot afford.  > 
Settlement Schemes for Farm Workers (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
Alternative settlement options for farm workers are provided to promote permanent settlement and agricultural development. These settlement options may be "on farm" or "off farm" to allow farm workers and their dependents to benefit from tenure and housing rights and take advantage of subsidy opportunities.  > 
UMnxeba Onxibelelanisa Ngqo Wolwakhiwo Lwezindlu
ISebe loLwakhiwo Lwezindlu linomnxeba onxibelelanisa ngqo osebenza iiyure ezingama-24 ngosuku ekunokuthi kuqhagamshelwane ngawo xa kufunwa ulwazi olunxulumene neSebe eli kunye neeprojekti kwaneenkonzo zalo.  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 16 uOktobha 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo