Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Iinkxaso-mali Zokuthenga Nokwakha Izindlu Ezayanyaniswe Namaphulo
INKCAZELO:
Iinkxaso-mali zokuthenga nokwakha izindlu zivuleleke kumashishini akushishino lophuhliso lomhlaba ukuwakhuthaza angene kumaphulo aqinisekisiweyo kwanokuze athengise imihlaba yokwakha iindawo zokuhlala ezenzelwe abo bantu bamelanayo neemfuno zokuzifumana. Ezi nkxaso-mali ke ngoko zenzelwe ukuba kuzuze abo bantu bamele ukuzifumana kuphela.
IMIYALELO:

NGUBANI ONOKUFAKA ISICELO?

Iinkxaso-mali ezayanyaniswe namaphulo ziya kuvuleleka kumashishini angena kumaphulo aqinisekisiweyo nasemthethweni. La mashishini ke amaxesha amaninzi aba ngoomaspala.


ULUNTU OLUCHAPHAZELEKAYO

Amaphulo ezindlu kufuneka asekuelwe kwizigqibo eziquka bonke abantu (iimbumba zountu) phakathi kwaloo maqumrhu achaphazeleka ngqo kwimicimbi yelo phulo. Eyona nto ibalulekileyo kukuba uluntu oluza kuzuza kula maphulo kwakunye nabakhi kufuneka bavumelane ngohlobo lwezo zindlu kwakunye nendlela eziya kwakhiwa ngayo.

Iinkcukacha ngokuba ngoobani na abanelungelo lokufumana ezi nkxaso-mali kwakunye neenkqubo yezicelo ziqulethwe kulo Mgaqo Wezindlu Wesizwe.


UKUZE UFUMANE EZINYE IINKCUKACHA NCEDA UQHAGAMSHELANE:
neCandelo Loncedo Kwiinkxaso-mali Zezindlu
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2342
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uOktobha 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo