| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Zimbini iindlela zenkxaso-mali:
Inkxaso-mali enganxulunyaniswanga natyala ithetha ukuba uya kuthenga indlu leyo yakho usebenzisa inkxaso-mali kunye mhlawumbi nemali oyigcinileyo. Akusayi kuba natyala lamali-mboleko ekuya kufuneka ulihlawule. Inkxaso-mali enxulunyaniswe netyala ithetha ukuba ufumana inkxaso-mali kunye nemali mboleko. Kuya kufuneka uhlawule ityala lemali-mboleko. |
IMIYALELO: |
UNGAYISEBENZISELA NTONI INKXASO-MALI YOKWAKHIWA KWEZINDLU? Unakho ukuyisebenzisa inkxaso-mali yolwakhiwo-zindlu ukuthenga indlu. Oku kubandakanya umhlaba kunye noqobo lwendlu. NGUBANI ONAKHO UKWENZA ISICELO SENKXASO-MALI? Ukuze ukulungele ukufumana inkxasom-mali yokwakhelwa indlu, kufuneka:
Qaphela: Kukho unxaxho ukuba wenza isicelo senkxaso-mali emanyeneyo okanye izicelo zenkxaso yokufudukela kwenye indawo okanye omnye wamalungu osapho othe walimala. Isicelo sakho siya kuphumelela kuphela ukuba ngaba ufumana ilungelo eliqinisekisiweyo lokokuba unganakho ukufumana indlu okanye umhlaba. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, qhagamshelana: neDesika yoNcedo yeNkxaso-mali: 021 483 2342 USENZA NJANI ISICELO SENKXASO-MALI? Usenza njani isicelo senkxaso-mali yolwakhiwo-zindlu enganxulunyaniswanga natyala Kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo ukulungiselela ukufumana inkxaso-mali yolwakhiwo-zindlu. Ezi fomu ziyafumaneka kwiBhodi yoPhuhliso yoLwakhiwo-zindlu yeNtshona Koloni okanye kooMaspala abaqinisekisiweyo. Ukuba uthe wanikwa inkxaso-mali yolwakhiwo-zindlu enganxulunyaniswanga netyala, unakho ukuyisebenzisa inkxaso-mali ukuthenga indlu okanye umhlaba. Inkxaso-mali inakho ukwangezelelwa ngemali yakho oyigcinileyo. Iphetshana lesicelo Xa uthe wagcwalisa iphetshana lesicelo, kufuneka ngokunjalo ungenise amaxwebhu adweliswe kulo. Kufuneka ngokunjalo ungenise:
Umrhumo womnikelo Lo mrhumo uhlawulwa kwinkxaso-mali. Umrhumo lo unakho ukugqitywa phakathi komnikeli, umthengisi/umphuhlisi kunye nomthengi okanye unakho ukuxoxwa phakathi kwe WCHDB kunye nomnikeli. Ukuba ngaba akuvisiswana ngomrhumo, iWCHDB inakho ukufuna omnye umnikeli ukuba aqeshwe. Ungasenza njani isicelo senkxaso-mali enxulunyaniswe netyala? Kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo ukuze ube nakho kwenza isicelo senkxaso-mali enxulunyaniswe netyala. La maphetshana esicelo ayafumaneka kubabolekisi abaqinisekisiweyo. Wenza isicelo senkxaso-mali ngexesha elinye nokwenza isicelo semali-mboleko yebhanki. Zozibini izixa-mali: esenkxaso-mali kunye nemali-mboleko ziya kusetyenziselwa ukuthenga indlu okanye umhlaba. Inkxaso-mali enxulunyaniswe netyala ilawulwa ziibhanki kunye namaziko emali. La maqumrhu aqinisekisiweyo asebenza njengee-arhente ze-WCHDB. Unakho ukufumana uludwe lwababolekisi kwiWCHDB ekufutshane nawe. Ukwenza isicelo sokuvula ityala Xa usenza isicelo senkxaso-mali enxulunyaniswe netyala, kufuneka ulandele le mithetho:
UKUBA UFUNA ULWAZI OLUNGAPHEZULU, QHAGAMSHELANA: Iinkcukacha zolwazi ngokubhekiselele kwiimfuno kunye nenkqubo ebhekiselele kwiNkxaso-mali Yokwakhelwa Komntu Ngamnye Indlu ziyafumaneka kwiKhowudi yoLwakhiwo-zindlu. IDesika yoNcedo yeNkxaso-mali: 021 483 2342 |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |