Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Iinguqu Kwiinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu Kubantu Abakhubazekileyo
INKCAZELO:
Abaxhamli abangena phantsi kwesi sigaba nabamkela umvuzo ongekho ngaphezu kwama-R3 500baya kuba selungelweni lokufumana imali-mboleko yezindlu elingana nexabisolemveliso elingama-R36 528 kwaye baya balindeleke ukuba bancedise. Olu lungiselelo sele lukho ngokumayela nesi sigaba luhlala lusebenza.Olo lungiselelo lumi ngale ndlela ilandelayo:
  1. Abaxhamli abakwisigaba sabantu abadala
    Abaxhamli abangamadoda abafikelele kwimanyaka engama-65 baze abo bangamabhinqa abafikelele kuma-60, kuqukwa nabaxhamli abafumene igranti yorhulumente, kungajongwanga budala babo, kwanemizi apho imivuzo efunyanwayo ngenyanga ingadlulanga kuma-R3 500, abayi kuncedisa nganto bona.
     
  2. Abaxhamli abakhubazekileyo
    Abaxhamli abakhubazekileyo nemizi efumana imivuzo engaphantsi kwama-R3 500 ngenyanga abangakwaziyo ukuzakhela izindlu ngenxa yemeko yokukhubazekwa kwabo, abayi kuncedisa nganto bona. Ugqirha kufuneka aqinisekise ukuba umntu lowo uya kukhubazeka ubomi bakhe bonke na ukuba anganenxaxheba ekwakheni indlu yakhe.
     
  3. Abaxhamli abakhathazwa yimpilo
    Abaxhamli abakhathazwa yimpilo, abangenakukwazi mpela okanye okwethutyana ukwakha izindlu zabo, abangafumani mvuzo ungaphezulu kwama-R3 500 ngenyanga, abayi kuncedisa nganto. Ugqirha kufuneka aqinisekise ukuba umntu lowo akayi kubanako, kangangesithuba esiya kuthathwa yiprojekthi leyo, okanye akanakube akwazi ukuzakhela indlu yakhe.

Izigaba zabakhubazekileyo ye- National Housing Code ngokwale njongo:

ISigaba sabaKhubazekileyo

Ubunjani bokhubazeko

Inqanaba lokhubazeko

A

Ngokuhamba

Izinto zokunceda ekuhambeni

B

Ngokuhamba

Isitulo sabakhubazekileyo -esisetyenziswa ngamaxesha athile ; nezixhobo zababoniyo

C

Ngokuhamba

Isitulo sabakhubazekileyo -esisetyenziswa ngamaxesha athile ; nezixhobo zabangaboniyo

D

Ngokuva

Unendawana yokungeva / Akeva kakhulu

E

Ngokungaboni

Unendawana yokungaboni/ Akaboni

F

Ukusebenza okanye ukungasebenzi kwamalungu angasentla omzimba

Unendawana yokungakwazi ukushukuma/ akakwazi kushukuma/ ufe amalungu omzimba angasentla

Imimiselo eyodwa noxolelo luyasebenza kwisigaba ngasinye.

Isigaba sokhubazeko

Injongo yokungangqinelani

A, B, C no- E

Ukuba nendlu, 12mē nendawo egangathiweyo kunye nerempu emnyango

A, B, C no- E

Kufuneka iKick plates emacangweni okanye imigqala yokubambelala apho kukho imfuneko

A, B, C no- E

Kufuneka kubekho imigqala yokubambelela neetephu ezinomqheba kwigumbi lokuhlambela [ukwandiswa kwendawo kungenziwa ngeendleko ezidityaniswe ekwezendlu]

D

Kufuneka kubekho izinto ezibonisayo kwiintsinjana yocango

E no- F

Kufuneka kubekho into eza kuthintela ukutyibilika kunye/ okanye nento enombala eminyamgo, ezitephusini, ezikoneni zezakhiwo kubekho neskirting emadongeni

A, B, C no- F

Kufuneka ucango olusongekayo (kwigumbi lokuhlambela/kwelangasese], libe nobubanzi obuyimitha enye ( 1 m)

Ezi zinto zizizinxaxhi zisebenza kuzo zonke izigaba zeMali-mboleko yeZindlu (iimali-mboleko, yeprojkethi eNxityelelanisiweyo, yomntu ngamnye,eyintlanganisela yeziko/yequmrhu,). Imali ekunxaxhwe ngayo ihlala ifana nokuba sithini na isixa-mali esiyimali-mboleko aselungelweni laso umfaki-sicelo.
IMIYALELO:
Ukuze ube nokuzuza kwenye yezi nguqu, kufuneka ufake isiqinisekiso sempilo yakho ndawonye nesicelo sakho seNkxaso-mali Yokufumana indlu.


UKUZE UFUMANE EZINYE IINKCUKACHA, QHAGAMSHELANA:

Ngeenkcukacha ezigcweleyo ngeemfuno nenkqubo enento yokwenza neeNkxaso-mali Zomntu Omnye kwiHousing Code.

I-Ofisi Yeenkxaso-mali Zokutrhenga Izindlu: 021 483 2342
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 16 uOktobha 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo