| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo
INKCAZELO: |
Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo ziyilelwe abaxhamli abasele benomhlaba osele uxhaswa ngezimali yaye olungiselelwe ukusetyenziswa ngokufakelwa izibonelelo. |
IMIYALELO: |
Ukwenza isicelo senkxaso-mali emanyanisiweyo, kufuneka ulandele inkqubo efanayo naleyo yeNkxaso-mali Enxulunyaniswe neProjekti. NGUBANI ONELUNGELO LOKWENZA ISICELO? Iinkxaso-mali ezinxulumene nomanyaniso ziya kuthi zinikezelwe kubaphuhlisi abaya kuqinisekisa ngokunikezela ngemvume yokuqalwa kweeprojekti. Aba baphuhlisi idla ngokuba ngoomaspala. IZIVUMELWANO ZENTLALO Iiprojekti zolwakhiwo-zindlu kufuneka zisekelwe phezu kwezivumelwano ezibandakanya uluntu phakathi kwamaqela achaphazelekayo okanye ethe iprojekti yanefuthe kuwo. Okona kubalulekileyo kukuba iingingqi ezixhamlayo kunye nabaphuhlisi bavumelane ngesiphumo kwanendlela yokwenziwa kwalo msebenzi. Iinkcukacha zeemfuno zokufaneleka kunye nenkqubo yokwenziwa kwesicelo ziqulethwe KwiZikhokelo zeNkxaso-mali yoLwakhiwo Lwezindlu zeSebe loLwakhiwo Lwezindlu kuRhulumente weSizwe. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, qhagamshelana: neDesika yoNcedo yeNkxaso-mali: 021 483 2342 |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uJuni 2006