| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
ICandelo loLawulo loLwakhiwo-zindlu lunceda oomaspala, iingingqi kunye nabantu abathabatha inxaxheba ngolwazi kunye neengcebiso ngokubhekiselele kwiNkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu(PHP). Ithi kwakho iqwalasele, ilawule izicelo ze-PHP ze inikezele ngeemvume zokuqaliswa kweeprojekti. INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu yindlela yokunceda abantu abanelungelo lokufumana inkxaso-mali yezindlu ze ukwenza oku kube lulutho ze bathi abantu bazakhele okanye baququzelele ulwakhiwo lwamakhaya abo ngokwabo. Inceda amakhaya ukuba abe nokuzuza inkxaso-mali ze afumane inkxaso ebhekiselele kubuchule, kwimali, kwindlela zokusebenza kunye nolawulo ngokunxulumene nolwakhiwo lwamakhaya abo. |
IMIYALELO: |
KUTHENI UTHABATHA INXAXHEBA NJE KWINKQUBO YOLWAKHIWO-ZINDLU YABANTU? Abantu abazakhela amakhaya abo ngokwabo okanye abaququzelela ulwakhiwo lwamakhaya abo ngokwabo, banakho ukwakha izindlu ezingcono ngexabiso elingabhekele phi. INkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu yenza ukuba:
INGABA ISEBENZA NJANI LE NKQUBO YOLWAKHIWO-ZINDLU YABANTU? Ngokuphandle, iNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu ikuvulela ithuba lokusebenzisa inkxaso-mali ukwakha indlu yakho. Uncedo lobugcisa kunye nenkxaso kule nkqubo lubaluleke kakhulu. Ngoko ke wonke umntu othabatha inxaxheba kule nkqubo kufuneka enoMbutho Oxhasayo. Lo mbutho unikezela ngenkxaso kubugcisa obuza kuthi buqinisekise ukuba indlu yakhiwa ngendlela eyiyo. UWUYILA NJANI LO MBUTHO UXHASAYO? Ukuze ube nakho ukuthabatha inxaxheba kwiNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu, uMbutho Oxhasayo kufuneka usekwe. Abaxhamli bangathi:
UMbutho Oxhasayo kufuneka ube ngumbutho osemthethweni. IKhowudi Yokwakhiwa Kwezindlu iqulethe iinkcukacha:
NGUBANI ONGENZA ISICELO? Ukuze ube selungelweni kule nkqubo, kufuneka:
USENZA NJANI ISICELO? UMbutho Oxhasayo ungenisa isicelo kwiBhodi yoPhuhliso yoLwakhiwo-zindlu yePhondo egameni labaxhamli. Isicelo kufuneka sihambelane neemfuno ezithile zodidi lwenkxaso-mali yolwakhiwo-ndlu ekwenziwa isicelo salo. Unakho ukwenza isicelo senkxaso-mali yolwakhiwo-zindlu elandelayo njengenxalenye yeNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu:
Isicelo kufuneka sidwelise iindlela ekuvunyelwene ngazo yokwahlula imbambano phakathi koMbutho Oxhasayo kunye neentsapho ezixhamlayo kwimeko apho kunokuthi kuvele ukungqubana kwezimvo nokungavani ngeli xesha kuqhutywa iprojekti. Kukwakho nezinye iimfuno ezongezelelweyo zodidi ngalunye lwenkxaso-mali nganye yolwakhiwo-zindlu. Iinkcukacha zezi mfuno zithiwe thaca kwiKhowudi yoLwakhiwo-zindlu .UKUFUMANA ULWAZI OLUNGAPHEZULU, QHAGAMSHELANA Nedesika yoncedo ngeNkxaso-mali: 021 483 2342 Belinda FortuneImfono-mfono: 021 483 5238 bfortune@pgwc.gov.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |