| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Amasebe esizwe amabini, Elemicimbi Yemihlaba Nelezindlu anikezela ngeenkxaso-mali nangoncedo-mali lokuthenga okanye ukuphuhlisa imihlaba nezindlu. Nawuphi na umzi unokufumana ukuya kuma kwishumi elinesithandathu lamawaka eerandi kuncedo-mali lokuthenga nokuphuhlisa izindlu. Ayiyomali-mboleko le futhi akudingeki ukuba iphinde ibuyiswe. Isebe Lemicimbi Yemihlaba libonelela ngezi nkxaso-mali zilandelayo:
Ukuba uhlala kuloo mhlaba futhi ufuna ukuwuthenga okanye ufumane imvume yokuhlala kuwo isigxina, ungasifaka isicelo sezi nkxaso-mali. Zisenokusetyenziselwa ukwakha izindlu nokufakelwa kwemibhobho yamanzi, ucoceko, imigaqo neengcingo. Ukuze ube nokufaka isicelo sale nkxaso-mali, kufuneka:
Ukuba amakhaya afuna ukufaka izicelo kunye angakwenza oko. Ingeniso yekhaya ngalinye kufuneka ibe ngaphantsi kwewaka elinamakhulu amahlanu eerandi ngenyanga. Iinkxaso-mali ziya kunikezelwa:
Le nkxaso-mali ingasetyenziselwa ukuqesha abacwangcisi nezinye iingcali zize kuncedisa ekucwangcisweni kokuzinza. Inokuhlawulela iinkonzo ezifana neentlawulo zamagqwetha, ucwangciso lokusetyenziswa komhlaba kwanokucwangciswa kwezibonelelo zokwakha nokuphuhlisa loo mhlaba. Le nkxaso-mali yahlula-hlulwa njengesahlulelo umzi ngamnye onokusifumana kule nkqubo yokuzinza kuloo mhlaba. Isixa esihlawulwa iingcali sitsalwa kweli shumi linesithandathu samawaka eerandi sifunyanwa ngumzi ngamnye. Ukuze ube nokufaka isicelo sale nkxaso-mali, kufuneka:
Le nkxaso-mali yenzelwe ukunceda oorhulumente bamakhaya ukuba bathengele abahlali imihlaba ukuze baphilise imfuyo yabo futhi batyale nezivuno zabo kuyo. Amalungu asekuhlaleni angaya kurhulumente weso sithili okanye wesixeko sabo acele ukukhutshwa komhlaba ongowabahlali bonke ukuze wonke ubani apho abe nokuvelisa kuwo. Basenakho nokuqhagamshelana neSebe Lemicimbi Yemihlaba lephondo labo. Abasemagunyeni kurhulumente wekhaya baya:
|
IMIYALELO: |
Nceda uqhagamshelane neSebe Lezindlu likaRhulumente weNtshona Koloni ngeenkcukacha ezithe vetshe:uAndre Rossouw Inombolo Yomnxeba: 021 483 4020 arossouw@pgwc.gov.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lemicimbi Yemihlaba (The Government of South Africa) |